Izifundiswa zithi ayigugelwa
Iingcaphephe zithi ngumavula-kuvaliwe
Abantwana bathi ngumvuli-ngqondo
Sihlobo sam, uthini ngemfundo?

Mna ndinyam’enye nabo
Imvundo ivula kuvaliwe
Ongayinanziyo uzikhanda ngenyek’etyeni
Axakaniseke de ahlikihle intloko
Yaye ngaphandle kwayo asiyonto

Bambi babik’ibiba, babik’ibunzi
Banje ngenkab’exinge eludakeni
Abantu mababe njengendlovu

Imfundo ifuna amatsha-ntliziyo
Iimbabala zolwantunge aziphumeleli
Imfundo isistshixo esisingisa empumelelweni
Woba yini na ngaphandle kwemfundo?
Ngoko ke masimilisele iingcambu emfundweni