Thando luni olungutshaba,
Aluchithi sisimanga,
Alinaminyaka alinantanga,
Lifika nobumnyama kukhanya,
Lishiye inyembezi kwabahlekayo,
Wodlula umntu ubankenenkene.

Wena thando ungu dyakalashe,
Awufuni kwethenjwa kwaye uyoyikisa,
Lonto ubambisa amazinyo apho ukhoyo,
Amaxhalanga azenzela ngegama lakho,
Izitha zizenzela kuthi zibe zizibiza ngawe,
Unje nge yuku lomntwana uyafikeleleka,
Uyingxaki wobambelela.

Thando ungumbulali kwaye awunyangeki,
Maninzi amatyala amileyo enkundleni awuphikeleleki,
Awutyholwa isithunzi sakho sibi,
Awubonwa ungena unga’nkqonkqozanga ufike ugqugqise uphinde unyamalale,
Okufumeneyo ingase anga xola.

Thando!
Wenza igazi lixhaphe amafutha,
Abazala bangazalani,
Amanzi ajike abekrakra,
Ubuhlobo buphambane,
Ihlobo bubengubu’sika,
Awukhethi bala kwaye awunacala,
Unguvuk’uzenzele ndikuncamile,
Ezam izandla ndizihlambile,
Ndiyakoyika thando.