Nguphuncuka-bemphethe
Iphum’ ezandleni uyiphethe
Yibanayo, ungayigcini ixesha elide
Yiba nobunele ngayo khona ukuze ingaphulukani nawe.
Ulala, uvuka, xhoba ngayo.

Imali lubhelu lomsele,
Imali ngumthombo womsele,
Kuba bakho abayinqwenelayo.
Ukanti bakho nabayizondayo,
Kuba ayihlali ezandleni sele ifika nje iphelela ezingxakini zayo.
Xabis’ imali ukuze nayo ikuthande.

Imal’ ikhulula amaqhina aqhiniweyo,
Ikuwelisa emfuleni sele ugcwele.
Sakuyikhangela sisinge ngaphi na?
Kuba neezityebi zith’ isikhova sixhola itha, lonto umvudl’ uzek’ indlela.

Owu! Ubona nje ikati ilele eziko,
Ide yafumana nomendlalo ikhululekile
Izisu zithe nca emqolo liphango.
Yigcine ingumthetheleli woluntu.
Noxa nje ibukulwa ngabantu.
Yigcine nangomhla wembandezelo yokukhulula.
Yombathe ,uhambe nayo yakuthethelela.
Yifihle, uhambe nayo yokukhusela.

Kusekubeni ke uyikhusele,
Kungalahlek’ imali konakele,
Xhamla kumthombo wegolide,
Ungakhulelwa ngamatyala nezimuncu-muncu.

Imal’ iyazingelwa kowayo
Susa k’ ezonto ziyihendayo.
Yithi qelele kubahlobo abangendawo
Ndiyimpula kalujaca nje yimali.
Ndingajongelwa ntweni nje yimali.
Ndithwele isitsaba esinameva nje yimali.
Musa ukuyivumela ikutshintshe.
Imali yona yohlal’ iyimali