Akungowofulathelwa wena,
Ngoba ayikho indawo efana nawe.
Ungowoxatyiswa kwaye uqunywe,
Ngoba uyindawo yobalekela xa kunzima endleleni yobomi.

Ngxe! Kwabo bangasekhoyo belwela wena,
Kwaye bezamela wena.
Ndibamba ngazo zozibini kwabo basaphilayo
Bazamela wena, ndithi ngamaqhawe okuqala lawo.

Ewe ikhaya likhaya noba umntu akanamali,
Kodwa umntu makangabi nesandla kuxinzelelo nobunzima obukhoyo kuwe.