Zankcenkceza okomjelo wamanzi
Zapompoza okomthombo wamanzi
Kodwa kuba zinyembezi
Kodwa kuba bubuhlungu
Uphi umncedi?
Bayaphi abanenimba?
Ingaba kwaphela inceba kusini na?

Qamata kulusizi
Mdali kutyumke iintliziyo
Owu! Yhini! Thixo wabadala, hlangula saphela isizwe
Ukulila kwanele
Ukulila kushiy’abantu bakho bezindwane
Siye ngaphi?
Sibalekele phi?
Siyephi apho kukho uncedo?