Zinamandl’ ezegz’ inene
Amandl’ okudiz’ oxhaph’ igazi lomntu.
Amandl’ okudiz’ umbulal’ engabonwanga
Zibon’ aph’ abantu bengaboni khona.
Zihamb’ aph’ abantu bengahambi khona.
Iinyembezi zegazi!

Ubulawe ngoluny’ engonanga mntu.
Wabhuqw’ umbulal’ engaziwa.
Noosiyazi babhule beza nelize.
Namaling’ omthetho naw’ atshwe nganeno
Lakhony’ igazi lavuka lema ngeenyawo.
Lalila, lilil’ iinyembezi zegazi

Zaphalala zisiwa zamdiz’ umbulali.
Zaphalala zishushu zawugqobhoz’ umhlaba.
Zalivul’ ingcwaba wavuk’ umfi kwelabafileyo.
Wathum’ umbulal’ azidiz’ esidlangalaleni
Waqala wahlahlamb’ exel’ igqirha livum’ umhlola
Ngumnq’ ebantwin nank’ umhlol’ usehlela.
Iinyembezi zegazi!

Uqalwa yimpamban’ unyana wasemathileni?
Uqale ngokubiz’ amagam’ abafileyo.
Ebabiza ngokunga basaphil’ uyababona
Ecel’ uxolo engxengxeza kubo
Efung’ ethembisa ngokungaphindi.
Zamty’ iinyembezi zegazi waphulukwa

Wakhomb’ esolath’ indawo yexhwayelo.
Wawucul’ umsebenzi kwanabenzi bawo
Warhwaqel’ umz’ ubamb’ ongezantsi.
Bangqukruleka benesingqala.
Kant’ iinyembezi zegazi zinjani na?
Sebalila bade bophela.
Bavuma banqwala, bamkela
Iinyembezi zegazi!

Namhla kuvel’ amanyundululu
Ilizwi legazi liyathetha
Ilizwi legazi liland’ umhlola
Lathetha kwatsho kwavokotheka.
Iinyembezi zegazi ziyathetha.
Iinyembezi zegazi