Ndine singqala sisililo sam
Kuba kubuhlungu kwintliziyo yam
Ndithi ndisawulila kuthi ngqukru kwisifuba sam
Ndiba bonile behlekisa ngenyembezi zam
Zisiwa ndizisula iinyembezi zam
Andina mntu wozosula iinyembezi zam
Kodwa ndiyaxola ziinyembezi zam
Kuba ziyandomeleza iinyembezi zam
Ndingu lomntu ndinguye ngenxa yokomelezwa ziinyembezi zam
Emva kokusweleka kuka tata wam
Ndashiywa ngumama wam
Ndashiyeka ndingena mntu
Ndasala neenyembezi zam
Inyembezi zam zingu momelezi wam