Ohh yini na! Sithandwa sam
Igubu lentliziyo yam libetha ngamendu
Umphefumlo wam unxanelwe uthando lwakho
Indlela endikuthanda ngayo indiphathisa ngovalo
Ndifuna sikhule kunye
Ndifuna iimbandezelo neengxingolo zobom zisitywatyushe kunye
Ndijonge apho siyakhona hayi apho sisuka
Kuselikhuni okwangoku kuba ukude le kunam
Iintaba namathafa zindifihlele wena
Kodwa entliziyweni nasengqondweni unam
Andifuni wumbi ngaphandle kwakho
Ewe ndiyababona kodwa andiboni namnye
Onganakho ukwanelisa unxano lwentliziyo yam
Ndiyayazi ukuba usathane eyona ndoda inamaqhinga namaqhetseba
Ayiyithandi into entle kodwa wena uze womelele
Undithembe kuba mna ndilithemba lakho
Ngenene ndinguthenjiwe wakho
Vala amehlo akho ke ngoku uphulaphule igubu lentliziyo yakho
Uyaliva? Nditshilo ndathi andikho kude tu koko ndigunquza ngaphakathi kwakho
Masithandane kude kuyovalwa
Uthandiwe ndim kuba kaloku wena ungu thandwayo wam.