Kuya kude kube nini na?
Kuya kude kube nini na kakade?
Kuya kude kube nini na kunjena?
Sisimnyama esitheni na esi?
Lishwangusha elitheni na eli?
Yidyokhwe yobukhoboka kwisini na?
Liyakuvela ke kodw’ icebo.

Ikati ilele eziko kubi
Ide yafumana nomondlal’ikhululekile.
Izisu zithe nca emqolo liphango.
Ixaxavithi lendlala liyagquba ,
Liyagquba ligqugqis’komncinci nomdala.
Liyagquba liyagqugqis’akukho themba.
Kowu! Yintlupheko enani na le?
Liyakuvela ke kodw’ithemba.

Oontangandini benz’ezibukwayo.
Oontangandini benz’ imihlola
Iintsikelelo zithululwe zaqongqothwa.
Ziqongqothelwe kubo zonke.
Iimpiko zonke zixhatshazwa ngabo,
Namhlanje ndiswel’ amaphiko ngenxa yabo.
Intluphek’ ibhalw’ ebusweni kum,
Lonto! Ndibonwa nanguthathatha.
Liyakuvela ke kodw’ icebo.

Bafungile bagqiba ngekhaya lam;
Bathethile bahleba ngekhaya lam;
Bagxekile banyemba besonyelisa.
Bathi asisokuze sibe nto.
Bathetha bayolela ngobomi bethu.
Liyakuvela ke kodw’ ithemba.

Kubamnyama kakhulu xa kuza kusa.
Akukho nkang’ idubul’ ingethi.
Ayanyakaz’ amathamb’ alel’ ukuthula
Ayanyakaz’ amathamb’ ooFaku,
OoThahla kaNdayeni bagushuza,
Badudula babhacis’ obobumnyama.
Iintsikelelo nedyobo zisendleleni.
Basiphile amandla okuzilwela ,
Izixhobo zonke bandinikile.
Iyakutshintsha nale imeko yeli’khaya.
Ndifungil’ ukuba ndiya kuyitshintsha,
Ngamandla kaQamata ndiya kuyohlula.
Ukukhanya kuye kuvela ngakumbi.
Kuded’ ubumnyama kwavel’ ukukhanya.

Mandidle amafutha ngoba umbengo omde uyawacima amalahle