Likrele elintlangothi mbini
Umqul’ oqulath’ indlela yokuphila
Abaninzi bawuthiyile ngelith’ unyhash’ amalungelo
Befun’ ukuzityela, beziphilela ubomi babo ngezab’ iindlela.
Ongaphili ngemithetho yayo ubomi bakh’ ubutyel’ epokothweni
Apho engabuboni namhla buphelayo

Lomqul’ uthwel’ inkitha yezithembiso
Abaphila ngayo baxhamle kuzo.
Ndithetha ngencwad’ emlom’ ubomvu yasemandulo
Incwad’ ebek’ iindlela zimbini
Umntu yen’ akheth’ eyakhe

Incwad’ esiphathel’ amazulu ezants’ emhlabeni
Incwad’ eyaziwa ngabadala, abancikane
Yaziwa zizizwe kwaneentlanga zonke
Umqul’ ontethw’ igqamiswa zizenzo zomntu
Umqul’ omfihlelo zawo zityhilwa ngabefundisi ngentshumayelo

Zihlabe, zichithe
Ziqoqe ziqokelel’ imiphefuml’ elahlekileyo
Izazi zayitshintsha zayenza yamlomo mhlophe
Iimfundiso zayo azikatshintshi zimi ngonaphakade
Ibhayibhile umkhokheli kwiindlela ezisingis’ elizweni lobusi nobisi