Umzi omkhulu ohloniphekileyo
Unesithunzi kwaye uyoyikeka
Akungeni nokuba ngubani na
Kazi kwakhala ntakani na?
Sekutheni na inguqulukubhode kulomzi?

Abaphathi bakhombana ngeminwe
Sekutheni na kuxoxwa ngezigala kule indlu ?

Sijonge lukhulu kuni
Nihlola ntoni na xa nixabana nodwa?
Koze kulunge na kule Afrika xa nenjenje?
Hayin nto zakuthi akwenjenjwe!

Kwakungenje ufaf’olude lwakwa Madiba lusekhona
Wangenjenje ukulungisa izinto
Masibumbaneni sibebanye maAfrika
Sibuyele embo Mziwakowethu

Makubekho imbeko kulendlu
Masibambeni isidima bantu bakowethu
Singabi yintlekisa kwizizwe
Makubekho uxolo zinkokheli zethu