Ndimnyama ngebala
Ngoko andinak’ukulibala
Ubuhlungu balonyaka
Izililo zalonyanga

Umkhwitsho weenyembez’ebazalini
Dubul’inja dubul’umnt’omnyama
Tshotsh’ungafi mz’ontsundu
Lentlungu yeyethu masingayibaleki
Yosulan’ezoonyembezi Ma-afrika
Asinatyala lanto ngaphandle kwelibala

Asonanganto singenaso nasono
Asisol’into kuwe nyakandini
Sekwenzekile sikufanisa nokudaliweyo
Kodwa ngenxa yelogazi laphalalayo
Ngenxa yokufa kwabo sibathandayo
Awunakuphela wen’eziingqondweni

Usisikhumbuzo seminyaka
Ngalamabhulu asifak’iimbumbulu
Asiphath’okwezilwanyana ngalonyaka
Satsarhwa yirhuluwa siswel’urhulumente
Sawabalek’amakhaya salal’emathafeni

Singenalungelo silawulwa ngobuhlanga
Emagxeni sixway’ingcinezelo
Sityatyulwa ngamatyathang’ezinyaweni
Izivubeko zemvub’emzimbeni
Basihluth’ulwimi lethu “Isixhosa”
Basondla ngolwimi lwabo “isibhulu ”

Ingumbuzo ohlel’ezintliziyweni
Kungani na ukuxhatshazwa kwethu?
Libala lethu elabulalis’anantakwethu na,
Namhlanje lento yintsomi
Libal’eladal’inzondo kumz’ontsundu

previous]