Yheyow! KwiGqeberha ndiyabhotisa
Kumanyange ndixhentsa ndizombelela
Kumanyange ndiyacamagusha!
Kumz’ oNtsundu ndiyabhotisa.
KuMzantsi Afika ndithi halala!

Sivuyisana kunye noQamata ngokwenjenje.
Sivuyisana neGqeberha ngokwenjenje
Sivuyisana nemvelaphi yethu xa sisenjenje.
Sivuyisana namasiko nezithethe zakwantu ngokwenjenje.

IGqeberha lixhakaxhaka lengxangxosi okwexhalanga.
Yingwev’ ebalaseleyo usomaxhaka uxholovane wenkundl’ ukuxoxa.
Yingqwayingqwayi yegqwetha,
Elagqwetha amaqothaqikili kwaqhuma unobathana
Kowu! Yasisankxwe yarhwaqel’ imigqutsuba.

Kuzo zonk’ izinto elizweni
Alikho igama elibaluleke nje nge Gqeberha.
Ayikho indawo exabiseke nje nge Gqeberha.
Ngumnombo wobuntu kuluntu.
Ngumakhi nomxhasi wesimo soluntu.
Yingingqi eveza izakhono namathuba emisebenzi.
Ngaphandle kwe Gqeberha alukho ulonwabo.

Igqeberha ayikhethi bani,
Idibanis’ abantu bonke.
Sisiban’ esikhanyisela uhlanga
Ndisitsho nje nangoku isemilibeni yabantu.
Lonto eligama layo lohlala lilihle kwaye linambitheka,
Noxa nje sele uluntu lulunyemba.

Xhasa ingingqi ngesimo sayo,
Esingumzekelel’ omhle kuluntu ngobubanzi.
Hlalani nihloniphe amasiko mzi wakwaXhosa;
Ningavumeli bani onikhohlisa ngobuzwe benu.
Singundaba – mlonyeni kwabebala,
Kuba sikhuthalele amasiko abo.

Kaloku thina sinebhengo neqhayiya ngawe,
Asifuni bugwenxa kuwe;
Kuba ngoku bakhala ngawe;
Kub’ izinto zonke zize ngawe;
Kub’ ilizwe lonke lijolise kuwe.

S.Tengani