Nazi izinja zikhonkotha makwedini,
nanku umnt’enkqonkqoza.
Inyang’ ithwasile nje Kaloku madoda,
Ithwase nolutho kwisizwe sakwaNtu.

Sincede Qamat’okulunga!
Kaloku sihamba ngethemba,
Ngethembe ngokholo.
Qinisa inkolo yakwaNtu kaloku Mdalidiphu.

Sithi camagu siyabulisa,
Sithi makube hele kaloku,
Zihlwele ndini zasemaXhoseni.
Izani Kaloku zizwe namabandla,
Akomkhulu nibuye nikholwe.

Mincani imibhaco neencebatha,
Bafazi lufikile uhambo. Qhizani
Imibhinqo magqwirha anamadolo aluhlaza,
Nilahle ubuthi nokuthakatha.

Ndenjenje kemna ndingumfo kaGaba,
Xa ndichukumisekile, ndidel’inkunzana
Njengemamba emnyama. Ndixel’isikhotsholo
Esinamendu phez’komlamb’ inxaxho.

Nawubika ntoni na ezizweni,
ningabonanga nto nje?
Vukani bantwana benzaka,
namhlanje yimfuduko.

Embo kaloku mabandla ka Phalo,
Celani uMdali uQamat’anikhanyisele,
Khon’izizwe zizolinda ekukhanyeni.
Yekani ukuzenza isumundelo samaxhalanga,
Itshobonqa nishoba ntoni na?

Gqalani ukwenza kwenu mz’ontsundu,
Nilibele kukwenza izinto ezingatshongo
Khona nje, nawukhe niyibone ingqumbo
yeminyanya…