Gawulwayo aa yhooo
Hamba gawulwayo
Hamba sifo ndini
Hamba mshabalalisi ndini
Inene ndithi mka mchithachithi ndini

Wena usithathela abantwana kwethu,
Wena usithathela izihlobo zethu
Wena usithathela bonke abantu
Esibathandayo
Wena uthatha imveku zisizwe

Wena uthatha intsika zesizwe ungenalusizi
Uthi wawuvela kweliphi na ilizwe!
Uthi wawuvela kweliphi na ilize?
Wawuvela kweyiphy na indowa?

Sifo ndini akuva, sifo ndini akuhloniphi.

Kodwa ndithi selili futshane ixesha lakho
Akusentsuku zatywala,
Ungumpuke impondo kuphele tuu ngawe

Ndithi yeee gram iyhoo.