Ndizive ndinombulelo mama
Okubanje ndithi, enkosi mama.
Bendinobulela ngcono ukuba ubusaphila,
Ngelishwa ke awundiva.

Thunjana elitheni na eliqaqamba kabuhlungu ngoluhlobo?
Ndiziva ndibububutyobo,
Ndikhubazekile,
Ungazi ngameva avumbuka phi na la,
enza intliziyo igxigxize ligazi oluhlobo?

Kodwa ke andina kukhalala,
Kuba ndiye ndomelela ngawo ameva la.
Ndiba namaxesha ndizame ukulibala, kodwa akuvumi, kunzima.
Ewe, kunzima.
Ubomi bunzima!
Ukulahlekelwa kunzima.

Andazi ndingayibeka ndithi ibuhlungu njani lentlungu!
Nditsho ne ncutshe zencwadi,
nabo abakrelekrele kwezovavanya
abana kuyidibanisa nango mgca omnye,
Okanye banikise inkcukacha ngale intlungu.

Iqaqamba ixele inyawo eziqaqanjiswa liqabaka.
Bendinowabeka lamazwi amabini,
ndiwatsho ndide nditshonelwe lilizwi;
Ingxaki awundiva,
kungakho ndikhala ndisithi kubuhlungu.
Kuske kubuye zonke iinkumbulo endinazo ngawe mama.
Ndikhumbula nokubukela ufunda iphepha-ndaba,
okanye umamele indaba kunomathotholo.
Mama kubuhlungu ungakuboni kuba ndifuna ubulela.
Okubanje ndithi “Enkosi Mama”.

Enkosi Mama
Usebenzile Mamzangwa, Ncuthu, Sohobese.
Ndohlala ndikukhumbula ngamaxesha onke