Ndinik’ amehlo ndikhangele,
Phezulu enkosini.
Kambe sivakele isithonga sokuhamba kwakhe .
Bantwana bomgquba kuthiwani xa kunje?
Bantwana bomgquba nithi kuyiwa phi?
Mhlobo wenene niphi xa kunje?
Mhlobo wenene kuthiwani xa kunje?
Owu! Lwaphel’ ulutsha lwanabela uqaqaqa.

Awu! Bafondini kufikwa kumkiwe.
Kuba sizindwendwe kulomhlaba,
Kuba kusinwa kube kudedelwane.
Kubuhlungu ngaphakathi sipheka enye ngomhluzi wenye.
Yimfeketho ke ukulila phezu komswane .
Imihla yokuphila ibaliwe ,ibhaliwe .
Yikhululeni nayo le dyongwana iyokuphumla.
Sulan’ ezo nyembezi ugodikele.
Ngeliso lenyama usizimele .
Akanakubuya ugqatso ulufezile,
Xolani baphulaphuli nimlibale,
Xolani mzi wakowethu nathi siyakhala yaye silahlekelwe.
Myekeni kalok’ uSthera alale;
Kaloku loo mzimba ubudiniwe;
Kwiinkalo zobom uphunyeziwe.
Ndlela- ntle mbhexeshi nkqubo kwezemidlalo sakubonana kwelizayo.

Limkile ikhalipha bafondini .
Limkile idela kufa madoda.
Yasishiya Inja ye(Game) yahamba ingatshongo nokutsho.
Asizange sive nezigqi ezo.
Sithe siwusukel’ umphefumlo,
Wabe sel’ ukude usishiyile.
Singawuvanga utsaza nangendlebe,
Wathi kanti kudal’ ubalekile.
Uthethile nezinyanya zakowethu,azaphendula
Wathetha noSomadinga, umaxhob’ ayakhawuleza ,usonininanini.
Yena uphendule, kodwa akatshongo kuye.
Sibone ngezenzo zakhe ,sathi ” Makube njalo”.

Kwafika kona ukufa kwemka naye.
Owu! Lahlaanza uselwa madoda,
Inene wavalwa umkhusane.
Kambe kufa ndiyakuqalekisa.
Kambe kufa ndikuncamile,
Ndikuncamile ngokungabinalusizi nenceba.
Hamba kaloku Bra Sthera,
owakho umsebenzi uwufezile.