Ngase ndandizelwe
kwelaxesha lakudala.
Ngokuya kwakusaphil’abantu bokuqala.
Mandulo phaya kwelaxesha lokhokho
Apho isintu yayisisuntu, umntu engumntu
ngabantu,umakhelwan’emaz’omny’ingekho nendlala.

Umntan’oyintomb’engenakuhamba okanye ame nenkwenkwe
Phambi kwabantw’abadala.
Nga ndandikhule nalanzala.
Phambili phaya kwelaxesha indoda yomzi yayixabisekile, ihloniphekile
Kungekho nto inabhungwa igqitywe ngaphandle kwayo
Elaxesha kwakulinyw’amadod’anentsimi
Ndithetha ngelaxesha kwakungekho
Ndoda enakuphum’ekhayeni isithi iyokufun’umsebenzi.

Elaxesha kwakunqulwa ezintabeni
Zinkosi zemveli abantwana begazi
kunye noluntu bengxengxezel’izichotho ukuze bafuman’amanzi.
Uliza lizidinga lakho iliculo
Ngase ndandizalwe nelaqela,
Eliya lalibumbene, lithandana, likhuthazana,
Lincedisana xa omny’umdak’ebethakala.
Elaqela amasiko nezithethe laliwaxabisile, liwathobela kwaye liwahlonipha.
Ixesha wawungenokufumana inkwenkw’etywalen’izimele nebhotile
Elaxesha imfuyo yayibalulekile kumntana oyinkwenkwe,
Kwaye indoda ebusiswe ngenkwenkwe izingca.
Elaxesha lomakhulu no Tatomkhulu
Ixesha lakudala..