Ndisuka kwindawo apho unyana ebetha kunina nakuyise
Apho kukho umona kusapho
Apho kubulawana kusapho ngenxa yelifa

Indawo endisuka kuyo
Ndisuka kwindawo apho imfundo ingaxatyiswanga
Apho kugcwala ezikroxweni imini nobusuku zonke intsuku
Apho abantwana bedlwengulwa ngooyise babo
Apho oonyana bedlwengula ooMama nooMakhulu babo

Indawo endisuka kuyo
Ndisuka kwindawo apho utywala neziyobisi zithengiswa ingathi kuthengwa amanzi nombane
Apho amantombi aselula athengisa umzimba ukuze alale etyile
Apho isithuko sikukutya kwemihla ngemihla

Indawo endisuka kuyo yi-Crossroads.