Nndivumeleni ndiyityakatye lentliziyo imahlwili
Nndivumeleni ndingena ndigqushe ndigqushele
Kunamhla ndimadolo’nzima ukuzibiza ngomntu omtsha
Ubani othile uyakufuna unobangela wentliziyo emahlwili

Kaloku ntozakuthi sisisizukulwana sokuqala ukutyeshela ubuthina
Yiyolonto ndithi ugobile umsenge ibhokhwe zatya
Kunamhla ayabhanga amasiko nezithethe zakwaNtu
Kunamhla banqongophele abazingca ngolwimi lweveli

Yinina bantwana bakaHintsa buyelani embo
Yinina ukuzibiza ngokuba ningamagqobhoka kodwa ningamaqaba aqabe imbola ebomvu yasemabovini
Zenincede nihlabe nikhangele kuba isizwe esingenavelaphi akusizwe
Kusisini lento nilahla imbo yenu ngophoyiyana?
Kusisini lento nizakunyanzeliswa ngobunina okwesana likakaswa?

Sithi isiNtu inyathi ibuzwa kwabaphambili kazi elinyawo benilifumana phi?
Zenichule ukunyathela kuba lo mhlaba unkenenkene
Awubafanelanga abo bantliziyo zibuthathaka
Amathambo kaHintsa ayangungqungungquka akubona isizwe sikhukuliseka nomsinga waseNtshona

Vungama Qamata Thixo wokhokho bethu siswele isisombululo
Vungama mathambo kaGcaleka kwelase Nqandu sifuna impendulo
Yakazani maNgcaleka nifake ulwavila lebuyelambo njengentsika zalomzi
Sukumani bafazi nanyiselele ubuthandazwe kubantwana benu
Kusisini? Madoda ningathabathi iminkqayi kunye nemikhonto niyoqula kuze kudede ubumnyama kuvele ukukhanya

Yini na makwedini ningathabathi intonga namabhunguza nidlisele izizwe ngemvelaphi yenu?
Yini na babhali ningathabathi usiba nityikitye ngemvelaphi yethu ukuze nezizukulwana ziyazi?
Mntu omtsha unyawo olungxamayo luyayiphosa indlela zenigawule nibheke nizibhence kuba ezomhlaba ziyabuna ziyatshitsha ziyatshabalala