Buthongo wena wakhe wandenzelani?
Wena buthongo uvelaphi?
Uthi wakufika undiyolele
Uthi wakufika undise ngetshova egumbini lokulala
Ingabe uthi ndakufika nini phaya phezu kwamasimi
Ndiyokuvuna?
Ingabe uyandithanda?
Ingabe uyayinqwenela entle kum?
Ukuba bendikwazi ukulwa nawe
Bendiyakuphathela zonke izixhobo zokukutshobalalisa
Ukuba ubukwazi ukuthetha
bendiyokuthi ndikubuze imibuzo uke undiphendule
Ingabe ukho ngabuni apha kum?
Buthongo uyadika
Buthongo uyandibulala
Ingabe ndingakupha bani na?
Ingabe ngubani okufunayo?
Kuba sithi kwaXhosa akho nkomo yobuthongo
Ndevhovhololo!
Ndetywi!