Bayeke bakushiye kwaye ungabacengi noba sebephelelwe lithemba ngakuwe.

Bayeke bakushiye ungulomntu unguye kuba bengalazi ingomso lakho noba likuphethele ntoni kodwa laziwa nguwe.

Bayeke bakushiye usinda; uzama ngandlela zonke ukuze ngomso uphumelele ngaphandle kwabo kwimizamo yakho.

Bayeke bakushiye bethetha kakubi ngawe; bekwenyelisa kodwa indlela eya empumelelweni uzazokhela ngoku apho usinda; uzama ukuze uyazi ukuba impumelelo yintoni na!

Ukuba ungubani wena abakwazi kodwa nguwe ozaziyo iingcinga zakho kwaye neendlela zakho zaziwa nguwe.

Umasinda ezama akanashwa nangona zikhona iintshaba nje kodwa esona sihlobo sakho sokwenene nguwe ezinye izinto ziza mva kuba uzakhela ikamva.

Bayeke bakushiye ungulomntu unguye uyazakhela umntu lo ufuna ukuba nguye ke mtakwethu bayeke bakushiye.