Bantwana bam!
Kunzima ukuphila
Ngumhlaba lo kwaye unenzingo nezixholo xholo zawo.
Vulani amehlo nijonge apho nihamba khona
Nicel’ indlela nobulumko kophezulu.
Zenibathande bonke kodwa ningathembi namnye kubo.
Lo mhlab’ ugcwel’ amarhancw’ anoburhalarhume kakhulu.
Kodwa ze nithembele kophezulu
Nimcele nimbongoze ngamaxesha onke.
Nikhokhelis’ imvelo nentlonipho
Ukuzazi nokuziqonda.
Ezo ke zizixhobo zokoyisa kobubomi.
Bantwana bam waveni amazwi am
Kuba akalahlekisi nakanye.
Bantwana bam