Ndothuka ndayokuwa ndakuva izandi ezingaqhelekanga.
Ndath’ukutyebis’indlebe ndiva amagidigidi.
Gidi! Gidi! Umntu mnyam’ulele emveni komnt’omnyama ngesabile
Kanti sizwe siyaphi na, ayingomntakwethu na lowo?

Izikhali se ziphezulu besele kutheni na?
Selimfazw’ibomvu nje bekuqale kwathini mabethuna?
Besisonk’izolo njena elowo nalowo evana kungekho nxa namnye
Kwenzeke ntoni na?
Simnyama sonke ngokwebala kwathini na madoda?
Iny’intw’ayifunayo yimpilo, wena bangani na?
Ezosebenzel’usapho lwakhe nje
wena umbethela ntoni?
Mxolele mfondini ngowakuni nalowo

Mzontsundu masikhe sithath’mithwalo
Sith’ujongisa umbomb’embo hleze singafunda nto enye
ezimbini ngobomi bokuhlalisana.
Sijonge emva aph’umntu yayingumntu ngabantu.
Aph’umntu wayezingca ngobuyena.

Ngobuyena ke nditheth’intoba umntu wayizingca ngebala,
Ngobuni, ngobuzwe,
ngamasiko nangezithethe.
Ngokuya kwethu apho hleze sizuze,
Sive futhi sifunde ngokuphilisana ngokobuzwe.
Mnqandeni bo! Nankw’ebulala umntakwethu

Xa kunje kuthi mandicinge amaqhaw’omzabalazo
Ootat’uMandela kunye noMam’uWinnie.
OoTat’uSamora Machel NoMam’uGraca
Thyin’oTatuBiko ndaweninye no Mnumzan’uMugabe
Xola mzontsundu ngumntakwenu naye lowo

Kuthi ndawucinga ngalamaqhawe
Kutshis’isfuba ibe lihlwil’intliziyo.
Ndakuphos’iliso mandulo ndise
Ndingakholw’intoba kwakhe kwakho abantu ababekholelw’ekubeni
Imbumba kuphumelela.
Amadoda nabafazi ancama kwanto
Axhob’afamacala alwel’intlonipho nesidima somzontsundu
Kwakungekho bani onyemb’omnye
ngemvelaphi ntonje iyintsebenziswano ngokobuzwe.
Kungekhomnt’ulalelambil’umakhelwane ekhona.
Leyo yiAfrika endifunde lukhulu ngayo,
endiyaziyo nendawusoloko ndiyazi

MaAfrika imbumba kuphumelela