Ndikhale kom’ umthombo weenyembezi
Ndathandaza kom’ amath’ emlonyeni
Ndifuna nje ok’ obom’ obungcono
Ndingulo mntu ndinguye nje yinxa kaBawo
Ndinoluthando lungaka nje andizikhetheli
Ntliziyo yam iyaphophoma
Ngqondo yam igcwel’ iingcinga ngengomso
Ndingumntu wothando, andizenzi
Ndintliziyo imanxeba-nxeba, andizenzi
Ndizama mihla nezolo ukuba ndibengcono
Ndilungisa macala onke kuba ndifuna ukuba ngcono
Ndim lo, andinabhongo kodwa ndinothando, andizikhetheli
Ndim lo, ndinothando, andizenzi.
Ubom’ abukho lula
Ubom’ abumanga
Ndindim nje ndihlala njalo ndizamela ingomso
Ndifuna nje okokuba ngcono
Ndingumntu wothando,
Ndipheth’ uthando,
Ndiphilel’ uthando, andizenzi