Yilento ingaphakathi kwam
Ndenziwa yilento indicikida umphefumlo
Ndenziwa yilento indenza ndijijitheke umoya

Ewe ndiyavuma ndiyona
Kodwa andizenzi
Ewe ndiyavuma kudala ndibavisa ubuhlungu kodwa andizenzi
Andiludingi uncedo
Ndidinga uthando lwakhe kuphela
Lulo ebelukwazi ukundikhulula kulamakhamandela

Ndenza lento kuba ndifuna ukuziphindisela
Ndiyazi abandenzanganto bona
Kodwa kufuneka ndiyenzile
Kuba ndifuna uthando lwakhe
Andizenzi