ANDINAWO AMANDLA OKUZILWELA!!

Andinawo amandla okuzilwela
Sele undigqibezela kuba ndingumoni phambi kobuso bakho.
Ngenxa yendalo kaMdali ndizakhele iintshaba.
Kutheni lento kufuneka singcungcutheke ukuze nikholwe?
Kutheni lento kufuneka kuphalale igazi khona ukuze nisilwele?
Ingaba kusisono na ukuzala umntwana wasetyhini kulemihla,
Lento singamaxhoba ezixhiliphothi zezikhohlakali zamadoda.

Kowu! Kazi siyintoni na isono sethu kulomhlaba
Andinawo amandla okuzilwela.
Bendiba ndikunye nabakhuseli gxebe abaxhasi kwezoluleko.
Kanti lento ayinabani intshwebela unina nosana.
Kanti lento ayinabani kuba naba bakwa lizwi bayaxhamla kuyo.
Uyidlakazile inyama yam, ngenene nangenyaniso uwudlwengulile umphefumlo wam.
Kowu! Ulibulele ikamva lam ngoku ndilixhoba lomvandedwa,
Lonto! Ndizibona sele ndindedwa, ndibethwa zingcinga nenkumbulo,
Apho undithwalisa isithsaba esinameva,
Umzimba wam uvithikile zizivubeko.
Intliziyo yam ilihlwili yophele ngaphakathi.

Ewe mawatshiswe, nditsho nangoku mawatshiswe.
Kubi kunzima ngoba naloomithandazo asiyigqibi ngenxa yobuhlungu nobunzima esiphefumla ngaphantsi kwayo,
Kowu! Side sibuye sihlangane wanga uThixo angakuxhasa akukhokhele
Andinawo amandla okuzilwela.

Kowu! Kusisono kwisini na ukubalibhinqa kweli lizwe?
Kusisono kwisini na ukunxiba izinto esizithandayo kulemihla?
Xa kungenjalo kutheni lento nisileqa, nisixhwila, nisidlwengula?
Kanti awuthi na umlom’obomvu cela uzophiwa,
Funa uzakufumana, nkqonkqoza uzakuvulelwa,
Xa kunjalo hlazo lini eli nilenzayo makwedini?
Xa kunjalo ngubani lo waninika igunya lokuzithathela ngaphandle kwemvume yabo?

Bayaphi ubuntu kuni zityhifilindini?
Yini zinto zikaPhalo, yini nto zikanasele
Nifuna sithini khona ukuze kube nixolile?
kungxwelerheke okanye kuphalale igazi lo mntwana kabani ukuze kube kulungile?
Kowu! Andinawo amandla okuzilwela.
Nqanda Nkosi singatshabalali
Nqanda Qamata singatshabalali
Nqanda Mzantsi Afrika singatshabalali.

Larhosha irhamncwa