ANDINATYALA MNA

Nkosi thethelela,
Ndenze njani naku ndithweswa ngetyala.
Yitsho ndilivume?
Okanye ndingalivum’elityala?
Tshocho ngenelela bendihleli nawe
Ndingqinele andazi nto mna ngelityala.
Ndimangele
Ndimangalel’ukutshutshiswa ndingenatyala.
Ndimangalel’umtshutshisi ondibekityala.
Andinatyala mna
Mna andinatyala.

Ndiyafunga ngomphefumlo, nenyama, nengqondo,
Andiqinisekanga ngentliziyo.
Ingathi kukho into eyaziyo.
Ukuba ibinawo umlomo ngendisithi
Buzani kuyo.
Ngendisithi susani mna kweliqonga nitshutshise yona
Mna andinalwazi kwaye
Andizukwazi ukuvuma into endingayziyo
Andinatyala mna
Mna andinatyala

Enyanisweni yentliziyo
bendifuna ukuthetha naye.
Ndimxelel’indlel’endiziva ngayo ngaye.
Ibingezo njongo uhamba ndithetha ngaye.
Engqondweni ndicinga ngaye.
Ndibuzisa ngaye.
Okuba ndenze okubi ndiyakukuvuma
Xa nditshutshiswa nguye.
Okwa ngok’andinatyala mna.
Mna andinatyala.