Andililo ilolo
Ndijonge undicokisise
Xa unento ongayiqondiyo ndibuze
Ndibuze ndikuphendule
Musa ukuthandabuza
Ndibuze impendulo ndinayo

Zolo oku abahlobo bakho
Balele bebaliwe, bavuka bechetyiwe
Kungoku nje bankolo-nkoloza kwezimnyama izisele
Ngenxa yeminw’ emide

Balishiye lize ixhego labantu
Bazifake zatshona izandla ezingxoweni
Balishiya lingumpha ochutywe walahlwa
Jwi phaya kude!
Yonke lento yenzeka ngelixa
Libuya kwamkela inkam-nkam

Abaninzi bandityhol’ ukholo
Kuba intliziyo yam imhlophe nje ngekhephu
Ke kambe othi akanasono uyazikhohlisa
Kaloku sona ngokucinga, ngokweza
Kananjalo ngokuthetha
Ewe andikudanga nesandla sikaMdaliQamata wasendulo

Ndisindile kokuninzi
Andihambi nesininzi sabumini
Wena?
Ndiyaqonda ungathanda
Nto nje luxinzelelo

Ndibuze imfihlelo ndinayo
Gxebe asiyomfihlo
Yakha yafihlwa na int’ entle?

Zijonge uzipeculule, isakhono unaso, kungenjalo unazo
Wonke umntu uzalwa efumbethe nto
Musa ukuzedela, zethembe
Kuhle ko khozi
Lona luphapha ngokuzethemba
Luhambe ludibana nemiqobo
Ludibane nemigibe
Ludibane neenqkwithela
Kodwa luzakuthi ndiyaya kwayiwayo
Lutsho lusithi andibuyi ngamva
Luntingel’ emajuku-jukwini

Ixesha lakh’ ulichithel’ ebudengeni
Kuninzi engewusel’ ukwenzile
Evuka mva ikholwa zizagweba
Warhuq’ iinyawo uyathandwa ngabantu
Hambela phezulu bayakuthiya
Kanti yinton’ emntwin’ omnyam’ engafun’ int’ entle?
Kodwa zikhonkotha ehambayo

Ixesha lakho leli
Velisa isakhono sakho
Musa ukuthi ndililolo
Andililongo ilolo