Nizamile ukuzijika, nangona ndingazange ndijike.
Ndizile kuwe, koko ndafika kukhal’ ibhungane.
Ndizamile ukukuleqa, nangona ndingeyiyi injuze.
Ndizivile izingqi zakho, ndase ndaluthuth’ emalahleni
Andabonakala

Bazamile ukukususa, kodwa akekho nomye othe waphumelela.
Bawayilile amayelenqe, kodwa awahambanga ngandlela.
Bawususile umfanekiso wakho kum, kodwa ndohlala ndiwuzoba.
Bakuxulubile ngamatye ndijongile, awaba namntu wokuthethelela
Andabonakala

Nangona ndilithintitha nje, ndifana neciko xa undimamele.
Nangona ndilihlwempu nje, bendifana nesityebi xa ndinawe.
Nangona intliziyo yam ililitye nje, iba yeyomoya xa ndinawe.
Noxa benndikubonela kude nje, udlule ecaleni kwam ndanyibilika
Andabonakala

Sendibhadula nje, kukunqaba kwakho.
Sendaba yintw’ engento nje, kukuhamba kwakho.
Sendili gobhoza nje, kukundiqongqotha kwakho.
Sendisi siwiliwili nje, ndaba ngumophu phambi kwakho
Andabonakala