Phambili bafazi!!phambili bafazi!
Kudala nigqhusha nigqhushalaza,
Kudala nisiwa nivuka,
Kudala nimanyene ningeva nditsho amaciko!
Phambili kuni bomafunga bangajiki

Kuband’emathunjini xa ndibona omama bephethwe gadalala,
Itshoba lilal’umbethe bayaphel’abantu base tyhini,
Bayafa bayaphela ababhinkqileyo bedlwengulwa,
Liyintoni na ityala labo?,
Bathi ityala labo linye ,bangabantu ababhinkqileyo,
Yiyo lonto amadoda ebulala okwezilwanyana
Bayaphi na ubuntu?
Phambili bafazi!

Ingaba amathambo omama babelwela inkululeko alele ukuthula kusini na?
Nithini mama Helen Joseph,Winnie Madikizela Mandela,Albertina Sisulu ,
ingaba yeyona nkululeko
Le naniyifuna le mzontsundu?
Bayaphela omama
Shukumani mathambo nibalwele
Phambili bafazi!

Makuphele ukuhlukunyezwa kwamaNina eMzantsi Afrika ,
Naniphi ngomhla we 9 Aug,xa amanina eMzantsi Afrika elwela amalungelo?,
Naniphi xa kwakubomvu okwembola ligazi?
Khumbulani lamiphemlo apho itshoba la-lala umbethe kwabantu abangenatyala,
Yiyolontooo ndisithi kudala nigqusha nigqushalazaaaa ,
Khanisikwe yinimba kaloku!!
Phambili bafazi!!