Amafu asibekele.
Izilu liyezisa.
Ukufa kusongamele.
Ubomi busijikele.
Umoya uya siphehluzelisa.
Namhlanje ulutsha luyatshabalala.
Namhlanje ulutsha luyajikelana.
Namhlanje ulutsha luyacalulana.
Kowu! Izinto zalo mhlaba zisigubungele.
Amaphupha ethu aphelela emoyeni.
Inene indlela zethu zimile ingca.
Kubuhlungu ngaphakathi,
Intliziyo ilijaja ligazi,
Siphefumla ngenxeba.
Ubona nje umenzi uyakhohlwa,
kodwa umenziw’ akakhohlwa.
Lwaphela ulutsha lwanabela uqaqaqa,
Kowu! Sibashiya nabani abazali kule ntlekele?
Lo nto umhlaba uyafihla kwaye unyolukile.
Ngenelela Bawo izizwe ziyatshabalala.
Onomdade ngamaxhoba ezixhiliphothi
Zezikhohlakali.
Akukho nto intle ngoba isizwe sitsha ngomcinga omnye.
Inene thina malungisa sofa sikhala kuba ulwaphulo mthetho ayilochiza.
Ubona nje nyani amafu asibekele.
Kowu!Olwabatsha luyaphindani.
Ndinje nje ndenziwe ngumntu.
Kukho amaxesha xa kufika ubusuku,
Inga kungasa,
Xa kufika ukusa inga kungahlwa,
Amathumbu ayaxuxuzela,
Isisu sithenca emqolo liphango.
Akukho apho kunjani ndawo zonke ziyafana.
Kowu! Lonyele idolo lenkonyana.
Akukho nto itheni ibingathangani.
Zonke izizwe zisondelene,
Bonke abantu basondelene.
Khawusifihle Nkosi phantsi kophiko lwakho.
Izinto zalo mhlaba zisigubungele,
Inyanga iphum’ emini.
Kowu! Laduduma lihlabe umhlaba ilanga,
Maxhalanga ndidlen’ intloko inamatshanda,
Maxhalanga ndlidlen’ intloko inamatshanda.
Ndaze ndakuva zwiindini.
Amafu asibekele.