Kufa kuyintoni lento kugqogqa lisishiya sinamaqhuma ezintliziyweni.
Yiminyaka wasishaya ntomb’endala kodwa andikaxoli.
Ndiqhubekeka njani undizemele kwamsinya?
Bendijonge lukhulu kuwe.
Ndiqhubekeka njani ngobomi kodwa wena awukho?
Ndiqhubekeka kanjani kodwa umthi wam uwile?
Ndiqhubekeka kanjani iqhawekazi lam liyikhabile ibhekile?

Awuveli nangephupha Eli.
Ubomi bumile kuba ndisothukile nangoku luhambo lwakho. Isitya esihle asidleli.
Kodwa qhubeka ulale ngoxolo mev’amhlophe
I will love you till infinity.