Kule nkohlakalo ndikuphephise
Eluchukwini ndikubalekise
Elutshabeni ndikuzimelise
Endleleni emxinwa ndikutatamise

Ngamazwi abolumnko ndikuphathise
Kwindyikitya zokufa ndikusithelise
Ngentolongo ndikuxobise
Ngesimilo nembeko ndikufundise

Namhla ukufa kusembizeni
Kunzima kuzalelwa emangcwabeni
Phofuo lento yonakala kwasekuqaleni
Mhla Kona uAdam noEva eideni

Yilonto ke inja izalela endlini
Sana lwam andazi noba mandithini
Ukuba bendinendlela ngandikuginya
Kodwa ndikunikile isixhobo sokukhula

Uqine sanalwam zonke ezomhlaba ziyodlula

Ukwaba bekuthiwa ndingakufihla