wena wazalwa tanci
wena wakha ikhaya lomtshongwana
kunamhlanje nje sithi ‘Ahhh Ngambelo!’
wena wasixelela ngokubaluleka kwentlonipho kumntu emntwini

kunamhlanje nje sisayibambile imiyalelo yakho
kunamhlanje nje sisisizalwane sakho esizingcayo ngayo
oh kuyintoni na ukubabalwa ngobom obunje?
wawufelantoni na Ngcambelo?

kunamhlanje nje yimincili novuyo kuthi
koko esinako nguwe osisikeleleyo
siyabulela isizalwana sakho
sithi ‘Ahhh Ngcambelo!’