Wawusakuba ngu nozala wentlonipho
Wawusakuba ngu nozala wothando
Wawusakuba ngu nozala wamaqhawe
Wawusakuba ngu nozala wamagorha

Nditsho wena maz’ebhongxileyo
Nditsho wena maz’etyebileyo
Nditsho wena maz’eyohlisileyo
Nditsho wena maz’engophusiyo

Ube nobubele wade wagqithisa
Ube nobubele wade wadlulisa
Wawafukama amaqanda kanti amany’abolile
Wawafukama amaqanda kanti amany’ophukile

Namhlanje ngu nozala wezikrelemnqa
Namhlanje ngu nozala wezigebenga
Kweyakho indlu kugcwel’ooxam bayaphaxulana
Iinto ezasoloko zigxekana
Iinto ezasoloko zinyukelana
Iinto ezasoloko zingquzulana

Uthando phambili Afrika
Yiba ngumfaz’obelenye
Yiba ngumfaz’onimba nye
Bopha abantwana bakho ngantamb’inye
Bombhathise abantwana bakho ngangub’inye
Sithandane sikhathalelane
Sixel’iikati zivasana ngolwimi
Sixel’iinkukhu siman’uphendlana
afrika mzali wethu masibuye isidima nobuhle bakho!