Ziingcuk’abo
Ziingcuk’ezambeth’ufele lwegusha,
Ngamarhush’ambiza zinuk’ukutsha,
Ngenxa yendaba nobugqubusha, ziingcuk’abo
Ngabakhonzi beshwangusha,
Behleli nje bayaqoqosha
Fihlan’amatakan’afikile nanga lamashusha,

Iintliziyo zabo zigunyungelwe sisimnyama
Abananimba nasizi xa bekutsalela kwesimnyama.
Aba ngabany’omama,
Ngabathakathi.

Ngabamfifithi begazi,
Abathakath’ungabathandabuzi.
Banobungozi,
Ukodlul’umsindo wenyosi
Xa uziphakul’ungaqhumisanga
Zingakwenz’idlozi,
Zikumfimfitha
Okwe ngcongcon’ifunx’igazi.

Ngabenzi bobubi abazimela
Phantsi kwegama likamdali
Ngababulalali,
Abangakhethe lali,
Intw’eziqhub’amahash’angenamikhala
Ngenzulu zobusukw’abalali.