Bandibona ndihleka kodwa ngaphakathi ndonakele
Ibali lam abalazi
Kobu bam ubomi kubuhlungu
Kunzima
Akukho namnye endimrhalelela le mna ndikuyo ingxaki
Kwakutheni ukuze kungathiwa igama lam ndingu Nongxaki?
Kaloku ulonwabo ndiluva ngembali
Ngubani umntu ongayiphila le yam impilo
Ngubani umntu onokundithethelela nokuba ndiphiwe nje ulonwabo nokuba luncinci
Ndiyaludinga
Mna nditheni kanti bephila bembeje mbeje abanye abantu mna ndiphila enyanyeni

Ndyazibona kanene isizathu soko
Mna ndingumntwana wenyala
Mna andiziswanga ngothando njenga banye abantwana
Umama wam wadlwengulwa

Ndizosoloko ndinelishwa?
Kuzakubanje oko ko’bam ubomi?
Nd’yamzonda owam utata