Umoya wam wophuka mhla lalimathumba ntaka ngalo mini inesizotha.

Kwabangathi yindlalo kum ngenxa yokungakholelwa.

Indaba ezibuhlungu zamxovula umoya wam ndawuva udandathekile.

Ndandinga qondi ukuba nyani nangenyaniso kwenzekile.

Kodwa ndava umxhelo wam ngathi ubethwa ngumoya womsinga.

Ndandingayinikanga ngqwalasela kuba ndandingayiqondi ukuba ixelisa ibhanti elijikelezayo.

Ukubetha komthambo wam owaxelisa isandi somthi omkhulu xa esiwa kwandenza ndanovalo.

Lona inxeba endinalo andinamqweno woba linga tyabekwa komnye umntu ngoba alifaneli namnye.

Umngxunya wona usa shiyekile oko mzila kaloliwe.

Kanti le ndalo injani na? Ngokuba ndiyakhala akukho mesuli-nyembezi zam kungcono ndamkele.

Umxozi mphini uye abuye aduke emva kwexesha, nyaniso yile umthathi uyawuzala umlotha.

Naxa kungekho lula kodwa indlela lula kukuqula ndiwagangathe ngoba sekunjalo.

Umoya wam uyakrexeza ngenxa yokungeneliseki kodwa ndizozama uxola.

Kodwa ndaziva ndihlinzeka kunene kuba yona imvakalelo yababuhlungu.

Kodwa ngenxa yoba nenkomo iyasi qhela isandi somqokozo kuba ingena cebo limbi enolenza nam ndiyokwenza njenjalo.

Yinyaniso elo kubuhlungu kulo unama gade ahlabayo asazi ezulwin