Awakhe: Viwo, Viwo! (ekhala, itsho i-nock emnyango) Hey baby Sipho ndazile uwuza kum (eyovula).

Buhle: Sorry it is me. Uthi mandikunike apha.

Awakhe: Yintoni le? (ewavula) Amaphepha edivosi. (asethule phezulu athuthu zelwe nguBuhle)

[USipho ufike xabephuma esibhedlele. Wabaleqa wayakubo ngakwimoto abayicelileyo.]

Sipho: (eguqe ngamadolo phambi kuka Nontle) Nontle ndicela uxolo ngabo bonke ubuhlungu endikuvise bona ebomini. Ndicela undixolele. Andinamagama.(ekhala wonke umntu owaye lapho wayejonge kubo) Ndiyacela undixolele.

Nontle: Ndaakuxolela Sipho. Akhosizathu, nanku unyana wakho umntu ongaxolisa kuye mna andiseyonto kuwe. Zange ndaphela mandla ethandweni lethu. Ndandizixelela ukuba ngenye imini uyoze uze kum sibesobabini. Kodwa ngoku onke loma phupha atshonile, ndingugogo nje. Wena usemtsha, hamba uye kunkosikazi wakho.(ekhala)

Sipho: Nontle(emsula inyembezi) Amazwi okuqibelana ethu ayesithi “I will marry you“. Wena wasuke waqhuba imoto zange undive. Ngoku uThixo ufezekisa lonto. (ekhupha iringi) Nontle Nojoko, would you marry me? For real this time? (wonke umntu owaye lapho wayekhala, kakhulukazi uAyanda)

Nontle: Yes but if you will not let you father decide for you. (emqhula)

Sipho: Unotshe ngoku. (emfunqula umsa emotweni yakhe)

[USipho noNontle batshata umtshato omhlophe omkhulu, bakha umzi omkhulu eMonti. Unyana wabo ufunda kwizikolo zabamhlophe. Utata kaSipho uSizwe uhlala nabo, waxolisa ngowakwenzayo kuNontle uNontle wamxolela. Kumandi kwelikhaya. Kuhleliswanwe ngothando nangoxolo. UNontle waphila de wahamba, hayi nangoku uphindele ebuntombini.]

Isiphelo

***

Yitsho: Ulive njani elibalana?