[Sibona uAyanda ehleli esitulweni esibhedlele. uNontle noAyanda bahlelwe yingozi yemoto xa befika kwelaseMtata. UAyanda akonzakalanga, yena umntu okubi kuye nguNontle. USipho naye ulapha phofu yena uzothatha inkosikazi yakhe ezofumana umntwana. USipho ubona lenkwenkwana, phofu eyiboniswa kusuke bonke abantu bayikhuze ukuba ifana naye. USipho uthe inoba kukufana kwabantu. Wakugqiba wasondela efuna uva ukuba izothini apha ngoba ibonakala ikhathazekile.]
Sipho: (ehlala kufuphi) Kwedini.

Ayanda: Tata(e-tataza nje uba enembeko).

Sipho: Uzothini apha?

Ayanda: Ndize nomama. Sifumene ingozi xa singena apha eMtata sisuka eMonti. Ngoku mama wonzakale kakhulu. Mna khange ndibenanto.

Sipho: Kengoku, ubafowunele abantu?

Ayanda: Basweleka abantu ekhaya. Ndim nomama qha.

Sipho: Uyihlo yena uthini?

[Esabuza lombuzo akhwazwe uAyanda ukuba angangena umama wakhe sele ephaphamile. Abe noSipho esiya kwindlu yabakhulelweyo.]

Sipho: (engena emnyango) Wow, at last!

Awakhe: Ngamawele yinkwenkwe nentombi.

Sipho: (ebafunqula bephuma kwelogumbi) Khawuthi ndidlule kulendlu yabengozi.

Awakhe: Uyokwenzani apho?

Sipho: Ndiyokujonga enye nje intwana elusizi ukuba umama wayo unjani. Masambe.

[Bafike bangena kuba besele kuvuliwe. UAyanda uhleli ecaleni kwebhedi elele unina.]

Sipho: (esondele lo uleleyo ubhandishe ubuso bonke) Kwedini unjani lomntu?

Nontle: (eva izwi alaziyo ecimele) Ayanda, Ayanda ngubani lo, nguwe Sipho?

Sipho: (esondela kufuphi ethuswa lilizwi) Nontle, Nontle nguwe lo.

Nontle: Ewe ndimSipho. Bathi andizuphinda ndihambe, apha emehlweni andiboni tu kwaphela kwaye andizuphinda ndibe nabantwana. Phofu ubekwa yintoni?(aphelelwe kodwa atsho izwi lokugqibela) Sipho uba ndiyafa undincede uthathe uAyanda, ngunyana wakho lo. Ndandingafuni umosha umtshato wak… (uphume umphefumlo).

Ayanda: (ekhala ekhwaza) Nurse!!!

Sipho: (eyokhwaza ngasemnyango) Gqira, gqira!!!

Awakhe: Amen! Masambe Sipho, uzondichazela lentsomi endlini. Sipho ndiyathetha okanye usala nesidumbu?

*****

[USipho uhleli noBuhle. Namhlanje kumele ukuba uyaphuma uNontle esibhedlele, ehamba ngesositulo sinamavili. USipho phambi kwakhe kukho amaphepha ochitho mtshato.

Buhle: Ithethukuba uzoshiya uAwakhe nabantwana bakho ababini uye emntwini osele efe nje ehamba?

Sipho: I am the reason she is in that situation. I admired her long ago and my love for her is still alive. I do not love her appearance. I made a big mistake and now i think God is giving me a second chance so I have to use it.

Buhle: Mmm, nice speech. Well spoken man. Sapha ke ndikusele lamaphepha wena leqa esibhedlele engekaphumi uNontle.

Sipho: Thanks bro (ephuma ebaleka ukuya emotweni eyibhekisa esibhedlele)

[UAwakhe ufowunela uViwo.]

Viwo: Hellow.

Awakhe: (ekhala) Ndilahliwe nguSipho baby.

Viwo: Please! Stop babing me. I am done with you. I told my wife about us and she forgave me. Now I do not want to lose her so sisi ungaphindi undifowunele. Nditshatile nawe uyazi. (acime ifowuni)

***

Yitsho: Ingaba uyamxhasa uSipho kwisiqgibo sakhe?