[Sibona uAwakhe ehleli noViwo. UViwo ngumyeni kaSiyanda. Phofu kubonakala uba esi sibini siyathandana. Kodwa uAwakhe ebezifihla ngoba uViwo ngumphathi wakhe womculo. Kwaye noSipho uyamazi uViwo ngoba uxhaphakile kwakhe, phofu eya ngonjongo zomsebenzi ngoba inxesha elininzi uhlala noAwakhe eStudio.]

Viwo: Eish baby. Ndikukhumbule.

Awakhe: Nam ngokunjalo my love. (bemoka-mokana bencamisana)

Viwo: Eish ngase ude ubuyele emsebenzini ndiyakudinga. Spending many hours in studio without you is boring, really.

Awakhe: Ag, nam ndiyadikeka uhlala nela xhego pha endlini.

Viwo: I wish I could spend one night with you my love.

Awakhe: Konke kuzalunga. Jonga ndikhulelwe abantwana bakaSipho. Ingase bekuthiwa ibingabakho so that our enemies would leave us. Kanjalo besizotsho sitshate sobabini. Nawe unabantwana noZiyanda phofu, lonto ithi singabashiya nabantwana babo. (encumile)

Viwo: (Engayiphenduli leyo.) Uzala nini?

Awakhe: Mxm andazi. Nangoku nakanti.

Viwo: Ok.

Awakhe: Namhlanje uSipho Uyaphangela ebusuku. So could you come and spend the night with me.

Viwo: Tjoo, ndingakuvuyela oko. Futhi bendithe kunkosikazi ndikuzangena ebusuku ndigqibezele amanye amacwecwe. Undibhaze xa sele ehambile.

Awakhe: Ok love. (besukuma behamba)

[USipho ulungiselela uya emsebenzini.]

Sipho: Tata uthi uyephi na uAwakhe.

Sizwe: Uthe uya edolophini.

Sipho: Akeva ke uAwakhe ndithe makangayi edolophini yena uyaya Hayi ndimyekile mna.

[Besathetha kungena uAwakhe sele encumile.]

Awakhe: Baby sewukhona, andidinwanga.

Sipho: Udinwe xa ubuyaphi, bendingatshongo uba ungahambi?

Awakhe: Bendifuna ukhe ndelule nje inyawo ndiyaxolisa baby, andizuphinda.

Sipho: Hamb’olala, ndizokwenzela into yokutya ndikuzisele apho.

Awakhe: Thanks babes. (eyolala)

[USipho ukwenzile ukutya wamsela wabe sele enika notata wakhe. Batya bagqiba uSipho waya emsebenzini. Uthe nje xa ephuma uSipho uAwakhe wabhaza uViwo. USizwe yena ebesele eyolala kwelakhe igumbi. USipho ufike emsebenzini kwathiwa mabangasebenzi babuyele emakhaya.]

Awakhe: (ephendula ifowuni) Ngena andivalanga.

Viwo: Ok.(ungenile wabe sele emhlangabeza uAwakhe)

Awakhe: (bencamisana kuyilonto, ufunqulwana uAwakhe ekhomba indlu yolala) Ndiyavuya ufikile.

Viwo: Bendithe ndiyeza nje.

[Bafike baphosana kulobhedi kaSipho noAwakhe. Inguphantsi naphezulu. USipho nanku engena ngoba balibele ukuvala emnyango.]

Sipho: Izinja kwam! (ethukile eleqa ngamanqindi kuViwo )

Awakhe: (esethula phezulu) Yhoooo!!!

Sipho: Thula wena sifebe. Usenz..

Viwo: (ebaleka uyophuma eyongena emotweni yakhe) Ndicela uxolo!

Sizwe: (wethuke naye waphandle phofu ufika sele ehambile uViwo) Kwenzekani?

Sipho: (ekhomba uAwakhe) Ayisiso esisifebe sifaka amadoda kwam.

Awakhe: eleqa uSipho, uSipho uyongena emotweni ayibethe ibencinci) Ndicela uxolo, ndicela undixolele.

Sizwe: (eyongena endlini ethwele izandla) Ndikhe ndayibona kele.

[Sibona uNontle uhleli nonyana wakhe uAyanda oneminyaka elishumi linesihlanu. Hayi lentwana inguSipho ebhaliwe.

Nontle: Ayanda!

Ayanda: Mama.

Nontle: Kusasa siya ekhaya. Ndizose ndikusa kutata wakho lo kudala undihlupha ngaye ke.

Ayanda: (evuyee) Nyani mama?

Nontle: Ewe nyana. (bongane)

***

Yitsho: Ucinga kuzakwenzeka ntoni ngoku?