USipho wacengwa de wavuma ukutshata noAphile ngabantu benkonzo. NoAphile wayengamfuni uSipho kodwa naye wacengwa wavuma ngomama bomthandazo. USipho wamgqibela uNontle ngala mini yehotele. Akaphenduli fowuni kaNontle, uxakiwe ukuba uzothini.

Buhle: Utheni namfethu wase wathula kangaka ngathi uyacinga?

Sipho: Eish ntwana ndisengxakini.

Buhle: Ngxaki ni leyo?

Sipho: Utata ufuna nditshate intombi enkonzweni. Selebethethile nayo yavuma nefemeli zavumelana.

Buhle: Yho! Uyabona ke lento yakho nenkonzo. Yinto ozoyithini le. Sele umxelel) uNontle?

Sipho: Hayi andikamxeleli, ndamgqibela kudala. Andifowuni kwaye andibambi fowuni xa efowuna.

Buhle: Kanjalo nje? Uzomyeka kanjalo? Mfowunele uthi ucela nidibane, then you will take it from there.

Sipho: (esima ngathi uyacinga) Ewe mani mandimfowunele. Ndithi masidibane.

Buhle: Eish usengxakini.

[UNontle uhamba noNamhla itshomi yakhe baya evenkileni.

Namhla: Umgqibele nini uSipho?

Nontle: Ndamgqibela ngalamini sasibuya eEL. Akafowuni akathini. Xandifowuna akaphenduli. Eish gal, I am worried about him. Inoba kowabo kuthiwe makangatshati usemncinci okanye kufunwa atshate enkonzweni. Hayi andazi.

Namhla: Ndibuhlungu Nontle,andazi noba ndizakuqala ngaphi…

Nontle: Yintoni? Thetha Namhla, thetha nam.

Namhla: uSipho uzotshata noAphile…

Nontle: Intoni? Kanjani njalo?

Namhla: Ebeyocelwa uAphile, ingathi futhi yonke into ihambe kakhule ngoba sele bezotshata.

Nontle: (kukhale ifowuni kufowuna uSipho)Nanku efona(ayidrope ecaphuka)

Namhla: Inoba uzothini nabethu?

Nontle: (kungene umyalezo kungekudala)Nanku efaka umyalezo.

Namhla: Uthini?

Nontle: (emfunda)Nontle ndicela sidibane. Kunento endifuna ukuxelela yona. Enkosi.

Namhla: Kanjalo nje?

Nontle: (avele agabhe apho endleleni)

Namhla: (esondela) Urayithi Nontle?(ethukile)

Nontle: (ezesula ngelaphu, eciphiza inyembezi)Hayi ndirayithi Nhlanhla. Mandiyambe ndiyohlamba ndiye ku Sipho andixelele.

[Endleleni kuhleli uNomsa noMamjwara. Aba ke ngabafazi nje belali bazidlela umgosi.

Mamjwara: Uyile nantombi?

Nomsa: Andivanganto tu. Khoze nazo(behlala phantsi.)

Mamjwara: UAphile uyatshata. Utshata noSipho.

Nomsa: Utheni, uSipho lo kaNontle?

Mamjwara: Ewe Lholho injalo.

Nomsa: (eqhwaba izindlala) Ndincamile into ziyafihlwa.

Mamjwara: Hayi yinto nje yangoku le, iqubule. Uyabazi abantu abane mali ngokhawulezisa izinto.

Nomsa: Amen! UNontle athini yena ngoku?

Mamjwara: Ndanditshilo, uyambona umzi wakulo Sipho nowakulo Aphile. Hayi ke uyazibonela utata kaSipho uba nje uyibhasi ebhaliweyo. Akangeze tu avume umntwana wakhe atshate noba kuphi.

Nomsa: Yho ibuhlungu lonto. Yini bendilithanda kangaka uthando lukaSipho noNontle. Bendimncoma uSipho ukuba akaziphakamisanga kanti uzomenza kanje uNontle(ebeke isandla emlonjeni)

Mamjwara: Hayi lento iyacacanje uba yenziwe nguSizwe soze uSipho ashiye uNontle kanjalo. Inoba ucengwe nangabatata akhonza nabo, naye wavumake umntwana.

Nomsa: Hayi inzima inamanqindi emqolo, inempama esifubeni(ekqwaba izandla)

Mamjwara: Uyabona uchitheko lwemitshato ludalwa zinto ezinje ngoba akho kwa uthando kulanto bayenzapha. Masihambe ntombi sokhe sibone uba izophelelaphi le into.(basukume bahambe)

***

Yitsho: UNontle uzakuyivuma le iphethwe nguSipho? Sekhe sakwehlela esifunyenwe nguNontle? Wenza njani?