[Elibali liqhubeka kwisithini sase-Eastern Cape kwidolophu yaseMthatha. Elibali lingoSipho,USipho kowabo kusindisiwe. Naye uSipho ukhulele enkonzweni kwaye waziwa esindisiwe.

[Umthetho wasenkonzweni uthi umntu utshata enkonzweni. Akavumelekanga athi umntu ekholwa ayothatha intombi okanye athathwe ngumfana ongakhonziyo.

[USipho ekholwanje unentombi ayithandayo, ntombi leyo ingakhonziyo yona kodwa iziphethe akakhuhle. USipho nalentombi bakhule befunda kunye esikolweni bada baya nasetheshiyari kunye. Esisibini side saphangela sisavana.

[USipho unguGqirha yena uNontle uyititshalakazi.

[Ikhaya lika Nontle likhaya elalihlelelekile kakhulu apha ekhuhlaleni, kodwa labangcono noko kuso sebenza uNontle nangona lingeno fika kwelika Sipho. Hayi kulo sipho ndingathi nje kusebelungwini.

[USipho ukhule engumntwana ohamba icawe kwaye esayihamba nangoku.

Elibali livulanje sibona uSipho ehleli notata wakhe. USipho ebesele ekhulile noko. Uneminyaka emashumi mabini anesibhozo. Utata wakhe nguSizwe umama wakhe nguNosive. Apha ke kusemaJoleni, intozojola inkomo.]

Sipho: (ehlala esofeni ejonge kuyise) Tata ndifuna sikhe sithethe.

Sizwe: Sithetha ngantoni nyana?

Sipho: Ndifuna ukutshata tata.

Sizwe: (encumile) Utshata nyana?

Sipho: Ewe tata.

Sizwe: Yheee, ukutshata kufuna imali nyana. Ngoba ithetha uthi lonto ufuna umzi wakho. Phofu sele umekakuhle esipajini?

Sipho: Hayi tata yonke into ime ngendlela. Ndingatshata nakusasa.

Sizwe: (ebobotheka) Yinto entle keleyo. Ndizokhe ndithethe notata umfundisi kuqala sikhe sibonisane.

Sipho: Ok tata.

[Kungene umhlobo kaSipho uBuhle.]

Buhle: Knock knock! (engena)

Sipho: Heyi kwedini uzifihlephi na?

Buhle: Ndikhona ketana(ebulisa uSizwe. Awu! mehlo madala.

Sizwe: (ebamba isandla ebashiya) Molo, molo nyana.

Sipho: Ukhonaphi na izolo bendiyile pha kwesakho ndifika ungekho.

Buhle: Ag ndivile nge-Oledi. Bendiye ePE.

Sipho: Ok ntwana.(encumile) Guess what!

Buhle: Mmm… You’re going to buy me beer.

Sipho: Mxm wena, ndiqale nini uthenga utywala mna?

Buhle: (ehleka) Ndiyadlala ntwana. Ok what?

Sipho: I am getting married!

Buhle: What?(ethukile)You are going to hell?

Sipho: Qalile ke.

Buhle: Umthsato sisihogo ntwana. (emntlonta phofu encumile)

Sipho: Ok its fine. I am going to hell then!

Buhle: (ezikhalisa) I am going to miss you bro. No more late coming, no more friends. After work you go and take kids at school. Oh! God I will be alone. Yhiiiiihihihi!

Sipho: Stop it, stop it!

Buhle: What? The wedding? I am happy for you my man. So did you…?

Sipho: What? Oh, you mean did I tell Nontle? Not yet but today I will. Ndithe masizikhuphe siye ehotele sibuye kusasa sibenje sobabini, so uvumile.

Buhle: Kweyiphi ihotele ntwana yam?

Sipho: eEL boy, uyazi.(eziphulula amagxa)you know me. I am Mr romantic.

Buhle: Mmm, I see why I love you… So you will take me with you?

Sipho: (bephuma phandle uSipho eleqa uBuhle) Fuck, I will kill you.

Buhle: (ebaleka) Sorry bro!
[Sibona uSizwe uhleli notata umfundisi uNdumiso. USipho noMfundisi bacebisana ngalomtshato, phofu unyana abamazi uba usele enentombi ayikhethileyo yena, bona baxakekile bazikhethela eyabo. Lentombi bafuna ithathwe nguSipho nguAphile okhonza apha naye. Kwaye yintombi ezigqamisileyo kakhulu kwaye iphuma ekhayeni elifana neli likaSipho. UAphile yena uyinqununu yesikolo. Kwaye uyacula(VIP).]

***

Yintoni ephume emagqabini osekhe wayenzela isithandwa sakho?