[Kungongcwalazi izulu lithe gqume. UVelile uthatha uhambo lwakhe oluya eZwart Water.]

Velile: S’bali inoba niyazibuza yintoni le indibek’apha ngonyezi.

Mongezi: Ewe kunjalo S’bali, ingaba uwuleqwa phofu?

Velile: Hayi ayonto injalo noko wena S’bali. Njengokuba usazi umfana ebesentabeni, ndithi mandize mna njengoyisezala, ndizokuxelela ukuba ubuyile. Kule yoMdumbha inyanga uzakube eqala eYunivesithi.

Mongezi: Ndiyakuva S’bali, futhi ndonwabe kakhulu xa unyana ephumile. Nentombi le yam ke S’bali izakube iqala eYunivesithi apha ku February, iyokwenza izifundo ze Journalism eKapa.

(Kuphendula umninawa ka Mongezi.)

Siyabulela: Kodwa mkhuluwa kwakufanele ukuba abantwana bakho wahlala nabo phantsi nanjengoyise wabo, wazise omnye komnye.

Mongezi: (ngelipholileyo) Ayisenzekanga-ayisenzekanga kabawo.

Siyabulela: Ndiyabona lento ndiyithethayo awuyihoyanga, iyimbudane apha kuwe. Ezizinto ndizithethayo ziseza kumangalela ngeny’imini mkhuluwa, uyaze uthi ndanditshilo.

Mongezi: Uyathanda ukuzikhathaza ngezinto ezingena msebenzi kabawo.

Siyabulela: Uze ungaqumb’uqalekise mhla yaze yenyuka lentlam’uyixovayo, kub’unendlebe nje unetyala.

Velile: Mandicel’indlela ke S’bali, andihlelanga.

Mongezi: (ephakama emkhapha) Uhambe kakuhle S’bali.

Velile: (ekhwela emotweni) Nani nihlale kakuhle S’bali.

[KuseYunivesithi kwinyanga yoKwindla. USizwe uhleli kwenye yekhefu zalapha eYunivesithi, kufika inenekazi lizohlala ecaleni kwakhe.]

Sizwe: (eyingcambazisa lentokazi) Molo sana, igama ndingu Sizwe, ndihlala kwalapha eKapa kwindawo yase New section, usisi yena ngubani?

Buhle: (ngeliphantsi ilizwi) Molo bhuti, mna ndingu Buhlebendalo, ndisuka e Zwart kwilali yase Tabasa.

Sizwe: (eqhula) Inakona ukuphuma into eloluhlobo na ezilalini?

Buhle: (encumile) Kanti ufun’uthini?

Sizwe: Ndibon’indlela omhle ngayo, ingathi ulilanga liphum’entwasahlobo.

Buhle: Sizwe sizophinda sincokole ngel’inyixesha. (ephakama) Ndineklasi emizuzwini emihlanu.

Sizwe: Enkosi, bekumnandi uncokola nawe.

[Akugqithanga mizuzu mingaphi, kungena umhlobo ka Sizwe uLulamile.]

Lulamile: He mfondini, umbonile lomntan’uphuma apha yihlo?

Sizwe: Ewe mfondini, ebehleli nam apha, ndithe nje ndakuwabeka amehlo am kuye intliziyo yam yavele yazaliswa luthando olungummangaliso.

Lulamile: Uthi ngubani igama lakhe?

Sizwe: Bhele mfondini, ndizamile ukuyingcambazisa lantokazi, ndiyabona wena ayingomntu uthanda ukuthetha; ithe igama layo ngu Buhle isuka eZwart Water.

Lulamile: Yilonto qha enethethe ngayo na mfondini?

Sizwe: Mfondini eziny’izinto ebezithetha inoba bezingena ngapha ziphume ngapha; ebesithi xa ethetha ibengathi ndiva isandi samanzi ezingxangxasini.

Lulamile: Ey, ndiyabona umthandile nyhani lo Buhle.

Sizwe: Kufuneka ndimxelele indlela endiziva ngayo, futhi ndiyamazi apho ndizakumfunana khona.

[Kuse Library yase Yunivesithi, uSizwe uhleli noBuhle.]

Sizwe: (eduda kukoyika) Buhle, andiyazi ukuba mandiyiqale ngaphi lento ndifuna ukuxelela yona.

Buhle: Yinto eyintoni leyo?

Sizwe: It’s something that I cannot keep in me any longer, ndibone ukuba mandikwazise ngendlela endiziva ngayo. Kwezintsuku zidluleyo ndimane ndikubona, intliziyo yam uvele wayizalisa ngothando olungummangaliso kodwa akhange ndibenaso isibindi sokuxelela, yilonto ndithi mandizityand’igila namhlanje ndikuxelele indlela endikuthanda ngayo (athi cwaka okomzuzwana). Buhle ndiyakuthanda.

Buhle: (othukile) Yho. Sizwe andazi ukuba mandiphendule ndithini, but I must say the feeling is mutual, I am willing to give us a chance.

[Bayaphakama, bayangana.]

Sizwe: Look I have to go, ndizakubona ngomso.

Buhle: Kulungile!

[Kuse Res. USizwe uhleli nomhlobo wakhe uLulamile.]

Lulamile: Khawutsho kaloku mfondini kuhambeke njani?

Sizwe: (encumile) Zonk’izinto zindihambele kakuhle.

Lulamile: Utsh’uba uBuhle ngowakho na yihlo?

Sizwe: Nditsho kanye lonto Bhele.

Lulamile: (ehleka) Ubunjani kukoyika?

Sizwe: Ey mfondi, ndigqib’uthetha ndabesendingaziva, umzimba ubududa kukoyika.

Lulamile: Unentlahla mfondini, kodwa uqaphele ezintwana zalapha zingamthathi.

Sizwe: Hayi uBuhe ngowam ndizakumazisa nasekhaya lowa.

Lulamile: Hayi ndiyabona uyamthanda nyhani.

Sizwe: Ndingathini ungamthandi na Khuboni, uyambona indlela amhle ngayo, ndingaphinda ndimfumane phi ofana naye?

Lulamile: Ndiyakuva ke xa usitsho.

Sizwe: Okukuthetha ngo Buhle kuse kwandenza ndamkhumbula, khawuthi ndikushiye ndiyobon’isthandwa sam.

[Kusegumbini lika Buhle. Kuphuma uBuhle ngaphantsi kwengubo ebile xhopho.]

Buhle: (enxiba) What just happened, should’nt have happened. It just doesn’t feel right.

Sizwe: (emangazekile) Ungayithetha kanjani into enjalo, we just made love. What didn’t feel right there?

Buhle: I think it’s still too early for us to be engaging in sexual activity.

Sizwe: (ephakama ebhedini enxiba) Akukho ngxaki xa usitsho, kodwa ndifuna wazi ndizakuxhasa nakwesiphi isigqibo osithathayo.

Buhle: Ndiyavuya ukuva oko.

Sizwe: (ephuza uBuhle) Mamela ke ndizakubona emva kwemini eLibrary.

Buhle: Okay. Kulungile!

[Kusemveni kwenyanga ezintathu uBuhle noSizwe bethandana. Kusondele ixesha leeholide.]

Sizwe: Bhele, bendicinga ukuba uBuhle ndimazise ebantwini abadala, noko lide ithuba ngoku.

Lulamile: Ngumbon’omhle lowo mfondini.

(Kukhala ifowni ka Sizwe besathetha njalo.)

Sizwe: (ekhuza) Yinto endizayithini na le madoda?

Lulamile: Yintoni na mfondini?

Sizwe: Khawufunde le SMS ivela ku Buhle (atsho emnika).

Lulamile: (efunda) Sizwe, I just did a home pregnancy test and the results came positive. I’m pregnant.

Sizwe: Mfondini, ndiske ndaxakeka ngoku andazi noba mandithini. Ndiphakathi kweBhayi neTinarha, andiyazi noba mandiyomazisa ekhaya emva kwale.

Lulamile: Mfondini ubuthe uBuhle uzakuya kumazisa ebazalini bakho. Lento iyindoda ngumafung’angajiki, inkunz’ukuzazi, akusekho kubuya ngamva ngoku yihlo.

***

Khawutsho: Ucinga ntoni ngengcebiso kaLulamile?