[KungoLwesihlanu uSizwe ufika kubahlobo bakhe uS’busiso kunye no Lindile. Ufika behleli ngaphantsi komthi njengesiqhelo.]

S’busiso: Sizwe ubukeka ungatyhilekanga namhlanje ingaba ikhona into ekukhathazayo?

Lindile: Ukuba ikho into ekukhathazayo thetha mhlawumbi singanceda.

[USizwe ekhwankqisekile kukuva lamagama ephuma ku Lindile no S’busiso.]

Sizwe: Akukho nto ingako. Ndikhathazwa nje kukuphelelwa kuka mama ngumsebenzi, andiyazi ukuba ndizakuzithenga ngantoni izixhobo zezibalo esizakuzisebenzisa eklasini ka titshal’uNgema, ebethe wonke umntu ngoMvulo abe unazo.

[Athule okomzuzwana.]

Sizwe: Andiyazi nyhani.

[US’busiso ajonge uLindile ancume.]

S’busiso: Ngelixesha besisithi sincede ngokusithengisela eNew Section besinceda wena. Ukuba ubungakhange wale ngowungenaxhala ngoku.

Sizwe: Bendinixelele ukuba andisoze ndithengise ziyobisi mna!

[Aphakame kwindawo ebebehleli kuyo abashiye.]

[uSizwe ngolusuku akhange aye kwithala lencwadi njengoko aqhele ukwenza. Wahlala endlini. ]

Nokhanyo: Kutheni namhlanje awunamsebenzi wesikolo?

Sizwe: Utsho kuba kutheni mama?

Nokhanyo: Kaloku udla ngokufika nje ubeke incwadi uyokwenza umsebenzi wakho wesikolo.

Sizwe: Namhlanje akhange sinikwe msebenzi. Enye into endiyilibalayo, ebethe utitshala zesize ne Mathematic Instrument.

Nokhanyo: Yinto ibixelwe nini leyo?

Sizwe: Siyixelelwe izolo.

Nokhanyo: Kutheni ikungona ndiyivayo mna? Kuba imali ebendinayo ndiyisebenzisele enye ingxaki.

Sizwe: Mama ndisaya eWhite Park kubahlobo bam.

Nokhanyo: Ulijongile phofu ixesha ngoku ufuna ukuya eWhite Park. Futhi usuke wathi phithi yile White Park, yintoni le ingaka eWhite Park?

Sizwe: Abahlobo bam bahlala khona.

Nokhanyo: Ndandithe kuwe yahlukana ne White Park, la ndawo iyingozi kakhulu.

Sizwe: Ndiyakuthembisa mama ndizakubuya kwangethuba.

[Aphume uSizwe aye kudibana nabahlobo bakhe uLindile no S’busiso eWhite Park. Afike behleli kwa Abdullah, enye yevenkile zabantu bangaphandle ese White Park.]

S’busiso: Ey Mr.Siz, usithande ngantoni na namhlanje?

Sizwe: Lento kutheni?

Sbusiso: Awuzange kaloku uke usindwendwele apha eWhite Park.

Sizwe: Hayi, akukho nto. Ndithe nje mandize kunibona.

Lindile: Ingathi awuzanga nje ngozokusibona, thetha mfondini yintoni le ufuna sikuncede ngayo?

[USizwe adukise atshintshe incoko.]

Sizwe: Majita bekunjani esikolweni?

Lindile: Mfondini sutshintsh’incoko, thetha lent’uzengayo.

Sizwe: Eish andiyazi ukuba mandiqale ngaphi.

S’busiso: Qal’ek’qaleni.

Sizwe: Into endibeka apha ndifuna nindiboleke imali ndizakutheng’izinto zam zesikolo.

S’busiso: Ndisatsho nangoku, ukuba nje wena ungavuma ukusithengisela eNew Section, awusoze udinge mali yokuthenga izinto ezifunwa esikolweni. Kodwa andithethi lonto, sizakuboleka le mali uyifunayo. Ingaba yimalini le uza kuyidinga?

Sizwe: Xa iyonke yi R200. Iquka nemali yokuthenga ubhaka omtsha.

S’busiso: Imali esinayo yi R100, kodwa enye singayoyithatha ku Ta-Sox.

Sizwe: Ngubani uTa-Sox?

S’busiso: Ngulobhuti simthengiselayo.

Sizwe: Nani kanti niqashiwe? Phofu akukho ngxaki ndizakuyithatha ngomso.

[Kwabe sele kusiwa ubamnyama.]

S’busiso: Akukudanga kwa Ta-Sox, sokukhawuleza masambeni.

Sizwe: Ndizakuza ngomso kuba uyabona ngoku sekurhatyela. Bendithembisile endlini ukuba ndizakubuya kwangethuba.

S’busiso: Kusekusasa nje, akusekho mntu ongangawe ongena endlini ngelixesha, phofu akukho ngxaki noba ungaza nini inye qha into endiyaziyo imali ayizulinda wena.

Sizwe: Akukho ngxaki masambeni ke siye kulo Ta-Sox wenu.

[Bahambe baye kwa Ta-Sox.]

Ta-Sox: Bafana nindiphathele ntoni namhlanje?

Lindile: Ta-Sox size netshomi yethu apha, uSizwe, ufuna imali engange R200 ufuna ukuthenga izinto zesikolo.

Ta-Sox: Uzakuyihlawula ngantoni imali engako? Nimxelele phofu ukuba eyam imali iyazala?

Sizwe: (ebuza ngokukhawuleza) Izala malini?

Ta-Sox: I R50 izala i R25 ngeveki.

Sizwe:(othukile) I- R25 ngeveki! Ndiyaxolisa mna andizukwazi ukuyihlawula imali engako.

Ta-Sox: Akukho ngxaki ikhona enye indlela onokundihlawula ngayo ukuba nje ungandithengisela nje ezi zinto (atsho emnika isingxobo esineziyobisi).

Ta-Sox: Nantsi nalemali ubuze kuyifuna.

[USizwe ayithathe kunye nesingxobo eso.]

Ta-Sox: Ungakhathazeki, uS’bu noLee bazakufundisa yonk’into ekufanele uyazile.

Sizwe: S’bu, ndizakunibona ngomso.

[Abashiye uSizwe aye kowabo.]

Ufika unina, uNokhanyo, sele evutha ngumsindo kuba ebemyalele ukuba abuye lingekatshon’ilanga.]

Nokhanyo: (enomsindo) Sizwe, benditheni ukumka kwakho apha?

Sizwe: Ubuthe ndibuye lingekatshoni ilanga; lithi litshona ndibe sendisendlini.

Nokhanyo: Ngubani ngoku ixesha?

Sizwe: Ndicel’uxolo mama andisokuze ndiphinde.

Nokhanyo: Sizwe ukususela namhlanje andifuni kuphinda ndikuve usithi uya eWhite Park, siyavana?

Sizwe: Ewe mama.

[Ahambe uSizwe ayongena kwigumbi lakhe lokulala. Akuvuka ekuseni, bekumele edibene no S’busiso kunye noLindile. Bathe bevuka kowabo wabe uSizwe sele emkile.]

Nokhanyo: Inokuba uvuke wayaphi uSizwe kuba ayifani naye into yokuvele ahambe nje engaxelanga.

Sisipho: Uthi akayanga kwezitshomi zakhe zase White Park, kuba oko athe watshomana nazo akasenguye la Sizwe simaziyo; ezitshomi zakhe zimtshintshe ingqondo.

Nokhanyo: Kuyafuneka ke ndithethe naye ngemfundiso zetshomi ukuba ekupheleni kosuku zijika zibeyincindi yekhala.

Sisipho: Phofu ubuye nini phezolo?

Nokhanyo: Ubuye ebusuku, into angaqhelang’oyenza phofu.

[Besathetha njalo angene uSizwe sele engxamile, ezokuthatha isingxobo ebesifumene ngezolo ku Ta-Sox.]

Nokhanyo: Yintoni wangena ngathi uyaleqwa?

Sizwe: Ikhona into endiyilibeleyo mama.

[Atsho angqale nqo kwigumbi lakhe lokulala, akhuphe isingxobo eso ngaphantsi kwebhedi aphinde aphume ngokukhawuleza.]

Nokhanyo: Yintoni le ingaka ikwesasingxobo?

Sisipho: Inokuba zizinto zesikolo mama.

Nokhanyo: Xa izizinto zesikolo yintoni lento zifihlwayo?

Sisipho: Ey, nam andazi ke mama.

Nokhanyo: Sisipho mntanam, khawuthi ndiye kuMaNyawuza ,mhlawumbi anganalo icebo ndizokunithengela ezi zinto zenu zesikolo.

[Aphume aye kwa MaNyawuza.]

MaNyawuza: (ephendula unkqo, emnyango) Ngaphakathi! Kanti nguwe Nokhanyo.

Nokhanyo: Ewe Nyawuza ndim.

MaNyawuza: Uphilile phofu?

Nokhanyo: Ndiyaphila akhonto, unjani wena?

MaNyawuza: Nam ndiyaphila; oko sigqibelene akukabikho zintsha. Ingaba isithande ngantoni namhlanje awuleqwa phofu?

Nokhanyo: MaNyawuza ndibekwa ngumcimbi wemali. Abantwana bakhala ngezinto zesikolo, andikafumani nezosentana zam emsebenzini, bendinethemba ukuba ungandibole nokuba yi R300.

MaNyawuza: Ey ntombi, ufike kakubi ke namhlanje mntasekhaya, ndingumph’ochutyiweyo ndikulendawo ndikuyo.

Nokhanyo: Inokuba ndizakuyifumana phi kengoku le mali! Andibaqhelanga nabantu balapha e New Section, akukho nomntu omaziyo na obolekisa ngezalayo?

MaNyawuza: Ukhona umfana ohlala eWhite Park, kuthwa nguSonwabile, kuthwa uyabolekisa ngemali ezalayo. Ndinokusa kuye nangoku.

[Aphume uNokhanyo ekhatshwa ngu MaNyawuza besiya e White park kwa Sonwabile odume ngelika Ta-Sox, beyokubolela imali ezalayo. Xa befika kwa Ta-Sox bafika sele kumzuzu u Sizwe ephumile. Emveni kwethutyana u Nokhanyo uphele evumelana no Ta-Sox ngenzala.]

Nokhanyo: (ebulela xa begoduka) Enkosi kakhulu MaNyawuza, undincedile. Bendabayintoni ngaphandle kwakho!

[USizwe ufika kowabo sele enikwa imali ngumama wakhe yokuba ayokuthenga zonke izinto ezifunwa esikolweni.]

Nokhanyo: Ndizame kwade kwazameka. Thatha nants’imali uyozithengela zonke ezi zinto ubusithi ziyafunwa esikolweni.

[Atsho eyikhupha esipajini emnika.]

Sizwe: Enkosi kakhulu mama.

***

Ncokola: Ukuba ungazibona usekoneni ungawophula umthetho uthengise iziyobisi? Xhasa impendulo yakho.