[Ngumhla weshumi elinesithandathu kweyoMqungu. Ngumhla wokuvulwa kwezikolo eNtshona Koloni. KuSizwe, ityendyana elineminyaka elishumi elinesihlanu elihlala kumatyotyombe akude kufuphi ne Goodwill High school, olu lusuku lokuqala kwisikolo samabanga aphakamileyo. Kuluvuyo kuninzi lwabafundi kuba luya kwibanga elilandelayo.]

[Kungena utitshala kwigumbi abekwe kulo uSizwe kunye nabanye abafundi.]

Mnu.Ngema: Molweni bafundi, (baphendule). Mna ke ndingu titshal’uNgema. Ndingutitshala wezibalo kwibanga lesibhozo. Ndingumntu othandayo ukusebenzisana nabafundi, ndiyabathanda nabafundi ababuzayo xa into bengayiqondi. Ndiyathemba siyakwazana ekuhambeni kwexesha.

[Esathetha njalo aphazanyiswe kukukhala kwentsimbi.]

Mnu.Ngema: Liphelil’elam ixesha ngoku. Siyakuphinda sibonane futhi ngomso.

[Emveni kokuba ephumile utitshala nabafundi baye baphuma baya ekhefini. Ngolusuku uSizwe ebengenamali njengabanye abafundi. Wasuka wahamba wayokuhlala ngaphantsi komthi kuba engenanto yokutya. Uthe esahleli njalo kwafika amakhwenkwana amabini asele enethuba efunda kwesi sikolo, uS’busiso no Lindile.]

S’busiso: Hey sani, yindawo yethu le uhleli kuyo.

Sizwe: Ndiyaxolisa, akhange ndiqonde.

Lindile: Hayi, ungabinexhala le ndawo inkulu ngokwaneleyo, ingasisingatha xa sisobathathu. Mna ke ndingu Lindile, abantwana bandibiza uLee. Lo ngumhlobo wam uS’bu (atsho ekhomba uS’busiso).

Sizwe: Ndiyavuya ukunazi, mna ndingu Sizwe. Ndenza ibanga lesibhozo kwaye lo ngunyaka wam wokuqala apha eGoodwill.

[Besathetha njalo kukhale intsimbi yokuba babuyele eziklasini.]

Lindile: Bekumnandi uncokola nawe. Siyakuphinda sincokole ngelinye ixesha.

[Ahambe uSizwe aphindele eklasini.]

S’busiso: Ey, wena Lee, yintoni ngathi uyayiqhelisela la qhwatsi nje?

Lindile: Ndithembe ndiyayazi into endiyenzayo.

[USizwe ufika eklasini sele kukho omnye utitshala efundisa.]

Mnu.Mavundla: Kwedini usuka phi ngelixesha? Akudala intsimbi ibethile?

Sizwe: Ndicel’uxolo titshala.

Mnu.Mavundla: Uqale wagqibelisa ukufika eklasini emva kwexesha. Hlala pha phantsi, ukhuphe incwadi ubhale nank’umsebenzi ebhodini.

[Ngolusuku isikolo saphuma ngaphambi kwexesha. Ootitshala babelungiselela usuku olulandelayo lokwaba abafundi ngendlela. Endleleni egodukayo uSizwe udibana noS’busiso ehamba no Lindile.]

S’busiso: Sizwe ubheka kweliph’icala?

Sizwe: Ndiya eNew Section.

Lindile: Masihambeni sonke indlela yethu inye, thina siya eWhite Park.

[Bahamba bebonke, bohlukana xa befika eNew Section. Omnye nomnye waphuma ngendlela yakhe.]

Lindile: Sobonana ngomso ke Sizwe.

[USizwe ufike kowabo wabeka incwadi, watya wandula wahlamba impahla zakhe zesikolo.]

Nokhanyo: Belunjani mntan’am usuku lwakho lokuqala eGoodwill?

Sizwe: Ibilusuku nje olufane nolunye, bekungekho nto itheni Mama.

Nokhanyo: Akhange uzifumanele nabahlobo na?

Sizwe: Bakhona abafana ebekhe ndancokola nabo.

Nokhanyo: Bathi bangabaphi?

Sizwe: Bathi bahlala eWhite Park.

Nokhanyo: (othukile) E-White park? I-White Park le inabantwana abasebenzisa iziyobisi?

Sizwe: Kodwa bona Mama babukeka bengabantu abalungileyo.

Nokhanyo: Masithembe njalo.

Sizwe: Mama, ndisaya kugqibezela umsebenzi wesikolo, uyangena kusasa.

[Aphume uSizwe aye kwithala lencwadi.]
[Kusuku olulandelayo uSizwe ubona uS’busiso ehamba no Lindile kwindlela eyahlula amatyotyombe aseNew Section ne lokishi yase White Park.]

Sizwe: S’bu! (utsho ekhwaza, abheke okhwazwayo). Ndicela nindilinde.

S’busiso: Ey, Sizwe uthi gqi xa kanye besisathetha ngawe.

Sizwe: Nithetha nisithini ngam?

Lindile: Kaloku mna no S’bu besisancokola, sikwafuna nomntu uzakusinceda ukuthengisa ezi zinto eNew Section.

[Atsho emvezela isingxotyana esizele ziziyobisi.]

Sizwe: (othukile) Lindile nizithatha phi ezi zinto?

Lindile: Sukhwaza, uzakusijongisa ngabantu abagqithayo.

Sizwe: Ndiyaxolisa, mna andinokwazi ukunithengisela funani omnye umntu.

S’busiso: Ngaphambi kokuba uthathe isigqibo Sizwe, uze uqale ucinge ngemali onokuyifumana kulo msebenzi, ungaphuma kubom’ basematyotyombeni. Uthi kutheni thina sinxiba iimpahla ezingayiwayo nje?

Sizwe: Lee, andinokwazi ukuthengisa iziyobisi. Lomsebenzi uyingozi kakhulu.

Lindile: Kulungile xa usitsho kodwa thina besizama ukunceda wena. Xa uphinde watshintsh’ingqondo ungazibandezi uze uzothetha nathi.

[Akhange kuphinde kubekho ncoko de bayokufika esikolweni.]

S’busiso: Siyakubonana ngexesha lekhefu.

[U’Sbusiso no Lindile baphume ngendlela yabo uSizwe aye eklasini yakhe. Ngexesha lekhefu uSizwe uyewaya kuhlangana no S’busiso no Lindile kwindawo yabo yedinga. Besahleli njalo, kuze inkwenkwana ize kuthenga ku Lindile]

Lindile: Uyabona Sizwe xa sele usaziwa kulula kanjani ukwenza lo msebenzi? Akukho namfuneko yokuba ujikeleze, abantu bayazizela.

Sizwe: Awoyiki ubhaqwa usenza lento uyenzayo?

Lindile: Akukho titshala ifane ilahlekele kulendawo, lonto yenza lendawo ibeyeyona ilungileyo.

Sizwe: Ngeniyiyeka lento niyenzayo ningekagxothwa esikolweni.

S’busiso: Asikhathali noba singagxothwa, kakade esikolweni sesisiza nje ngozothengisa.

[Besathetha njalo kukhale intsimbi bonke abafundi babuyele eziklasini.]

Mnu.Ngema: Bafundi ndizakucela ukuba wonke umntu athenge izixhobo esizakuzisebenzisa kule klasi yezibalo. Ndifuna athi efika uMvulo abe wonke umntu enazo zonke izinto esizakuzisebenzisa kule klasi. Namhlanje ke sizakube sisenza iFinancial maths. Ixesha lam lincinane kakhulu ngoko ke ndizakuninika lo msebenzi niyokuwenza emakhaya. Ndilindele ukufika wonke umntu ewugqibile xa ndibuya apha ngomso.

[Emveni kwemizuzu begqibile abafundi ukukhuphela umsebenzi obusebhodini, kukhale intsimbi yokuphuma kwesikolo.]

(Akufika uSizwe ekhaya.)

Sizwe: Mama, sewabuya msinya emsebenzini kwezintsuku.

[Umamakhe ajonge phantsi ekhathazekile.]

Sizwe: Ingaba yonke into ilungile, Mama?

Nokhanyo: Andiyazi ukuba ndizakuyiqala ngaphi lento.

Sizwe: Thetha, Mama.

Nokhanyo: Sizwe mntanam, akuba ndibuya ngethuba emsebenzini… (utsho elila)
Umsebenzi uphelile.

Sizwe: Uthetha ukuthini xa usithi umsebenzi uphelile?

Nokhanyo: Sifike kusithwa namhlanje umsebenzi uphelile. Inkampani ityala imali eninzi. Abasemagunyeni bagqibe kwelokuba mabayivale.

Sizwe: Imali yakho le ibikade itsalwa yona uzakuyifumana nini?

Nokhanyo: Sizwe mntanam nokuba ndingayifumana ayizukwenza mahluko. Ndineenyanga nje ezintathu ndisebenza phaya.

Sizwe: Ungakhathazeki mama ndizolenza icebo.

Nokhanyo: Lowo ke Sizwe ngumsebenzi wam, wena nodadwenu hoyanani nesikolo.

[Umamakhe amange, emveni koko uSizwe aphume ayokwenza umsebenzi wakhe wesikolo kwithala le ncwadi lase White Park. Ithala lencwadi ibiyeyona ndawo izolileyo ku Sizwe ebethanda ukwenzela khona umsebenzi wakhe wesikolo.]

***

Ncokola: Luxanduva lomzali ukubonelela ikhaya ngento yonke. Umntwana yena angadlala ndima ni ukuncendisa xa ikhaya lakhe lihlelelekile?