[Kwinyanga elandelayo emveni kokuba zivaliwe izikolo, uZolile ucinge into yokuba akhe aphindele eMonti. Kwakuziholide zenyanga Yomsintsi. UZolile uthetha kunye no Mondli.)

Mondli: Zolile mhlobo wam ndiya eMonti kule veki. Bendirhalela ukuba ndihambe nawe. Ndifuna ukuba ukhangele utata wakho njengokuba wawundixelele imeko yakho ntangam.

Zolile: Yho! Ntangam nam bendisayicinga ke loonto qha bendingazi ukuba ndizakuyiqala ngaphi lento.

Mondli: Kuzakufuneka ulungise kuba siyahamba ngomso.

Zolile: Mhlobo wam ngeke ndikwazi kuba ndoyika abazali bakho. Bangandithuka kuba soloko ndilixhoba lokuthukwa no kuhlekwa. Ngeke bafune ukuhamba nento enjengam.

Mondli: Hayi Zolile mani! Yintoni ngawe? Ndabaxelela abazali bam. Bazi yonke into ngawe.

Zolile: Kulungile mhlob wam. Ndizakufika ndilungise. Enkosi mhlobo wam.

Mondli: Ndiyonwaba kakhulu Zolile xandikubona wonwabile. Ndizohlala ndikunceda njengomhlobo wam.

(Uphume wagoduka uZolile kuyilomincili engathethekiyo esinge kokwabo. Ufike waxelela umalumekazi wakhe kodwa wamkhaba ngawo omane uMavambane.)

Mavambane: Zolile, utheni wonwaba kangaka mntwana wam?

Zolile: Kaloku Malumekazi ndanditshilo ukuba ndizakuya eMonti, sele ulibele na?

Mavambane: (Etshintsha ebusweni.) Zolile mntwana wam. Nokuba umkhosi udla amahashe kangakanani na apho kodwa sose ufunde ugqibe.

Zolile: Andizukuhlala ixesha elide phaya Malumekazi, ndizokubuya.

Mavambane: Zolile, yintoni le uyifuna kuyihlo?

Zolile: Malumekazi, zininzi izinto ezidinga utata apha ebomini bam.

Mavambane: Zolile awuyindawo. Ngomso uvuke uye kwamakhulu uyondinkinkqela umgubo.

Zolile: Yho! Sowuke sibone.

(Latshona elalomini ilanga uZolile equmbile. Uvuke ngenjixukuxa walungiselela uhambo lwakhe.)

Zolile: (Ethetha yedwa) Tyhini! UMalumekazi kucacile ukuba umandelwe kukundi ngcungcuthekisa. Ndifuna utata wam. Mna ndiyahamba nokuba kunga mnyama entla.

(Uthe esalungisa kwangena uNoluntu echwechwa.)

Noluntu: Hayibo Zolile uyaphi?

Zolile: (Ehlebeza.) Shii sukhwaza.

Noluntu: Uyaphi?

Zolile: Ndiya eMonti, ndiyaxolisa ngokukufihlela.

(Wavele waphuma uNoluntu ezibambe emlonyeni. Uphumile uZolile esinge kulo Mondli kuloongqele iqhaqhazelisa amazinyo.)

Zolile: Mondli! Mondli! (ekhwaza)

Mondli: (Esabela.) Ndiyeza!

Zolile: Molo mfethu (Emxhawula)

Mondli: Hola ntwana, ingaba sele ulungele indlela ntangam?

Zolile: Ewe ntangam kunjalo.

Mondli: Masingene endlini ungoyiki, akuhlali zingonyama apha. Kwewu! Ukuba ebesazi utata wakho into yokuba umthanda kanje ngezingca ngawe ntanga.

(Bangenile endlini. Wabulisa uZolile. Kwatyiwa isidlo sakusasa emva koko kwathuthwa iimpahla zafakwa emotweni. Kaloku uZolile wakhululiswa amadlavu akhe wanxityiswa iimpahla zokwenyani ngumhlobo wakhe. Kwahanjwa kusingiswe eMonti.)

*****

(Emva kosuku olunye uZolile efikile eMonti uqalisile ukwenza oko ebekuyele.)

Noxolo: Zolile kunye nawe Mondli, vukani sele kusile.

Mondli: Kulungile Mama.

Noxolo: Naku ukutya kwakusasa.

Mondli: Siyeza mama. Zolile vuka siyotya mfondini.

[Ziqengqelekile iintsuku uZolile engawufumani umkhondo kayise. Ngelingeni kuthe sele kusele usuku olunye ukuba baphindele emva wawufumana umkhondo kayise.]

Zolile: Yho! Mondli jonga lamntwana phaya kulamzi, wafana twatse notata.

Mondli: Tyhini mfo kabawo nguye nguye akabuzwa. Masingene ngaphakathi.

(Bangena ngaphakathi.)

Zolile: Molo sisi.

Noluhle: Ewe molweni bafana.

Zolile: Sisi ndicela ukubuzisa ngo tata wam uSihle Dimbaza wase Gxaku.

Noluhle: USihle Dimbaza?

Zolile: Ewe sisi ingaba uyamazi?

Noluhle: Ngumyeni wam nje lowo. Hlalani phantsi ndinenzele into etyiwayo.

(Baxoxa imini yonke uZolile kunye noNoluhle kucaca ukuba bakhumbuzana ngeelali zabo. Wabe yena uSihle engekho. Babengangxamanga kuba baye bamlinda.)

Noluhle: Lona ngubani yena? (Ekhombe uMondli.)

Zolile: NguMondli umhlobo wam.

Noluhle: Ndiyaniva ke. Inokuba sele esendleleni noko ngoku uSihle.

(Watheleka uSihle emzini wakhe.)

Sihle: Nqo! Nqo! (wangena.) Tyhini nihleliphi na? Andisadinwanga nkosikazi ingathi ndizakufumana umphanga.

Noluhle: Yiza ngapha tata khawuleza.

Sihle: Tyhini! Molweni madoda akukhonto imbi kodwa?

Zolile: Hayi tata akukhonto imbi. Mna ndingu Zolile lona ndihambanaye nguMondli.

Sihle: Ndiyavuya ukunazi. Nifuna ndinincede ngantoni madoda?

Zolile:Tata siseGxaku ngokuhlala. Ntonje sihamba sifunisa ngalomntu ngu tata wam (Emika ifoto.)

Sihle: Hayibo! Ndim nje lona, ndenzeni?

Zolile: Ngutata wam lowo.

Sihle: Unxilile kwedini. Andingoyihlo mna.

Zolile: Ewe tata ndingu Zolile mna ndizalwa ngu Andiwsa Qhankqiso osweleke kulo nyaka sisuka kuwo. Ndenza ibanga leshumi elinesibini. Ndineminyaka eli 18.

Sihle: Zondile!

Zolile: Hayi tata ndingu Zolile.

Sihle: Whatever. Ungakhe ulinge uzondiqhela kakubi apha. Abam abantwana naba. (Ebakhomba.) Ngabo bobabini kuphela. Okanye uswele into unokuyithetha?

Zolile: Uxolo ke bhuti kodwa nguye utata wam lowo.

Sihle: Mamela ke ndoda, ndiyayikrazula lefoto ngoba ndim lo! Eyoba usuka phi nayo andiyingeni. Okwesibini ungaphinde uhambe ubuzisa ngegama lam apha esitalatweni. Siyevana?

Zolile: Bhuti, ubusazi ngalento? Khona uthi nditya ntoni? Ndihlalaphi? Ndinxiba ntoni iminyaka emingaka?

Sihle: Kwedini phuma apha.

Zolile: Ke ngoku tata uyandiphika.

Sihle: Kucacile gca ke bhuti.

Zolile: Noba ungandigxotha ungu tata wam kodwa.

Sihle: Kwedini ndakudubula ngoku ukuba uzakundiqhela kwam.

Zolile: Ngeke ndikhale xa ndinokudutyulwa ngu tata wam ondizalayo. Ndingatsho ndiphume kulentlungu dikuyo kuba oko ndazalwa akekho umntu ofuna ukundinceda, ntonje bonke basoloko befuna ukundibona nditshabalala. Kanti mna kulomhlaba wawundiziselani tata? (Zehla zilandelana iinyembezi.) Ndicela undidubule kuba ndidiniwe kukuphila lempilo.

Sihle: Kwedini phuma apha kwam, ndingade ndenze into endizozisola ngayo.

Zolile: Ndithe ndibulale.

Sihle: Kwedini ndiligqwetha ndakudubula kugqibe kuthuleke kuthi nya!

Mondli: Mhlobo wam masihambe.

Zolile: Ndixolela ukuyibeleka ikrwempa andiyi kwandawo.

Mondli: Ndicela sihambe Zolile!

Zolile: Kulungile mhlobo wam. Kodwa wena tata uhlale usazi ukuba inkungu ilala kwiintaba ngeentaba. Kwaye nonyawo alunampumlo. Masihambe mhlobo wam.

(Baphuma bahamba beshiya uSihle nenkosikazi yakhe bembombozela).

Noluhle: Kutheni umphika nje umntwana wakho?

Sihle: Le nkwenkwe andiyazi mna, kwaye nomama wayo andimazi.

Noluhle: Andisosiyatha ndimdala ndingaka nje. Ngumntwana wakho uZolile.

Sihle: Ubonantoni ukuba ngumntwana wam?
Noluhle: Andiyithandanga indlela othethe ngayo naye.

Sihle: Kanye kanye yintoni ingxaki yakho?

Noluhle: Ingxaki yam nguwe. Usibizele amashwa kwelikhaya ngokuthuka inkedama ifuna uncendo kuwe. Uyayazinto into yokuba lamntwana ngoyena ebezakukunceda kwixesha elizayo?

Sihle: Ndicela uyeke ukuthetha ngalenkwenkwe ndigqibile ngayo, soze iphinde isihluphe kuba nefoto ndiyikrazulile.

Noluntu: Unesibindi tata. Ungade ubenebhongo ngento embi kangaka oyenzileyo. Nkosi nceda uyisikelele inkedama kuba yona iphila ngamabona ndenzile. Ithi yakuxakeka icande amathafa ihambe kumahlwantsi engqele, isingise apho kuhluthwa khona. Nalapho ithi ingena yembethe loomirhajana wayo bonke bajike nayo beyihleka. Bambi besima ngayo beyenza intsika kanti yoze ibeyiyo. Bambi befundela kuyo ukuthetha beyintlonta beyingcikiva kuba ingena bani. Isuke ilile ntonje inyembezi zayo aziweli phantsi. Ithi yakulala iphuphe abazali bayo isuke incume, ithi yakuvuka kusuke kubezinyembezi lonke olovuyo lwayo. Nkosi nceda uyisikelele inkedama. (Zehla zilandelana. Waphuma wenka waya kwigumbi lakhe lokulala).

(UZolile wayehamba elila kuba wayephikwe ngutata wakhe)

Mondli: Uxolo mhlobo wam. Akulahlwa mbelekho ngakufelwa. Nyamezela kuzolunga. Indoda ayikhali, thula mhlobo wam.

(UMondli wamcenga okokuba mabahambe baye kulungiselela uhambo lwabo. Abazali baka Mondli babengayazi into yokuba uZolile uzekukhangela uyise)

***

Sixelele: Ucinga ntoni ngendlela uShile amphendule ngayo uZolile?