(KungoLwesihlanu, uSisipho noThemba basendleleni esinga eSajonisi kuloSisipho)

UThemba: (Ephefumlela phezulu) Ndisuke ndanovalo.

USisipho: Lolwantoni olovalo tata ka ozayo?

UThemba: Sisipho singathini xa benokwala abazali bakho?

USisipho: Bazokwalelani?

UThemba: Ukuba bathi andikulungelanga ukuba ngumyeni wakho?

USisipho: Yho! Themba sele sihambe kangaka. Nokuba bangatsho kum uyakuhlala uyindoda elungileyo. Ndizakufa apho ufa khona.wena. Themba mfo wasemazizini ulubambo lwam.

UThemba: Sithandwa uyakwazi ukuwehlisa amaphaphu endodeni. Enkosi(Uyamonga)

(UThemba noSisipho bangena endlini)

UThemba: (Uthethela ezantsi) Sisipho mhle kwaye mkhulu umzi wakowenu.

USisipho: Umama nomalume bawuthengela umakhulu. (Uyanqkonqoza) Mholweni endlini. Kunjani?

UThandiwe: (Eqwalasela uThemba) Siyaphila Sisipho sana lwam.

(Emva kwempilo uThemba ucela ukuya kwigumbi langasese. USisipho uyokumbonisa)

UThandiwe: Thuli uyayibona le nto ndiyibonayo?

UThuli: Eyiphi mama?

UThandiwe: Lo mfana ufana nqwa noDlamini.

UThuli: Dlamini, as in my dad?

UThandiwe: Qwalasela umntakwenu Thulie. Nala mfana unelibala limnyama ngase mpumlweni. (UThemba noSisipho bayabuya)

UThuli: Hayi mama uzakumbona kakuhle ekuseni. Masonwabele ukugaleleka nje komzukulwana wakho.

UAthule: Unyanisile uThuli mama. Mtshana ndinesipho sakho.(uyakhwaza)

USisipho: (Encuma) Yiva Themba, umalume ucinga ndingumntwana undithengela izipho uyeka ukuthengela umzukulwana wakhe lo uzayo. (Bayahleka)

Yitsho: Ucinga uThemba noSisipho bazakuvunyelwa ukuba batshate?