(USisipho uthetha nonina efowunin)
USisipho: Mholo mama.
UThuli: Nana wam unjani?
USisipho: Ndiyaphila mama.
UThuli: Linjani ikapa sisi? Ndiva kuthiwa kuziziyolo apho?
USisipho: Ewe kumnandi mama. Kukho into endifuna ukuxelela yona.
UThuli: Yintoni my darling?
USisipho: Mama kukho umntu ocele ukuba ndibeyinkosikazi yakhe.
UThuli: (Eyiyizela) Yantle lo nto mntanam.
USisipho: Ndizakube ndiphinde ndifowune mama.
(USisipho uyakuloThemba enemincili)
USisipho: Themba.
UThemba: Hi Makhasa omhle? Unjani?
USisipho: Doing great my love. Qashela sana ,ndizothini?
UThemba: Hmm! Uzakundimema kwi dinner?
USisipho: Hayi Themba. Phinda uqashele.
UThemba: Uzakundivumela ukuba ndibenawe kobubusuku.
USisipho: Hayi Themba. tjooo abazali bam ba –
UThemba: (Emqhawula) Bavumile! Yho! sithandwa sam andizazi ukuba mandithini kuwe kodwa ndiyafunga ndizakonwabisa ubomi bethu bonke.
(Kudlule inyanga uThemba engalali kowabo. Umane ebonwa emini kuphela. Ngolusuku nguMvulo uhleli nonina)
UThemba: Mama ndicinga ukuba ndiye esajonisi khe ndiyokubona umama kaSisipho kaloku ndizokuba ngutata, andifuni ukuba lo mntwana afike singekatshati noSisipho.
UKwanele: Mabhongo ndiyeke. Udlule kumakhulu wakho, uyakukhumbula.
UThemba: Ewe mama ndizokuya kumbona xa sele ndibuya kulo Sisipho.
UKwanele: Uhamba nini ke sithandwa sam?
UThemba: Ngolwesihlanu lo siyakuye mama
UKwanele: Kulungile. Kodwa uyazi ukuba kufuneka uyenomalume bakho pha?
UThemba: Ndizakubatsalela umnxeba xa ndipha mama.
UKwanele: Kulungile.
Yitsho: Uyibona njani into yokuba uThemba ahambe noSisipho xa esiya kowabo?